UDanny Jordaan ucela abalandeli baxhase umdlalo weNelson Mandela Challenge

Stuart Baxter, coach of South Africa, Percy Tau, Sibongile Mkhabela, the chief executive of the Nelson Mandela Children's Hospital, Danny Jordaan, SAFA President and Moss Mashishi during the 2018 Nelson Mandela Challenge Press Conference at the Monte Casino, Johannesburg on 12 November 2018 ©Muzi Ntombela/BackpagePix

ABafana
Bafana baza kungquzulana neqela lesizwe laseParaguay kumdlalo weNelson Mandela
Challenge ozakube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesixhenxe ngokuhlwa
ngoLwesibini. Isibhengezo senziwe senziwe ngumongameli weSouth African Football
Association, uGqirha Danny Jordaan, ekuqaleni kwale veki. Rhoqo phambi
kokuphela konyaka, iSafa ithi iququzelele umdlalo othi udlalwe njengesikhumbuzo
sobomi bukamongameli uNelson Rholihlahla Mandela ongasekhoyo. Lo umdlalo uza
kulandela emva komdlalo ojongwe ngamehlo abomvu ophakathi kweBafana Bafana
neNigeria ongempelaveki.

“Sicela
abalandeli bebhola ekhatywayo baye ebaleni ngobuninzi babo. Eli lixesha
lokukhahlela inkokeli eyayithanda kakhulu abantwana. Umdlalo ophakathi
kweBafana Bafana neParaguay uza kumnika isidima uMandela obeza kufinca ikhulu
leminyaka kulo unyaka ukuba ebesaphila,” utshilo uJordaan ethetha neentatheli. UJordaan
uthe iSafa iza kuphisa ngemali ephaya kwisigidi esinesiqingatha (R1.5-million)
kwingxowa yeNelson Mandela Fund.UMzantsi Afrika udlale kathathu neParaguay –
kodwa zange wabethwa nakomnye umdlalo.

Ngo-2002,
uMzantsi Afrika wadlala ntanganye ngo’2-2 neParaguay kumdlalo wendebe
yehlabathi eyayisingathwe yiKorea neJapan. Kanti aBafana bayibetha iParaguay
ngo’3-0 kumdlalo owawuseLucas Moripe Stadium ngo’2008 phambi kokudlala
ntanganye ngo’1-1 kwakhona ngo’2010. Ukudlalwa kweNelson Mandela Challenge
kwasungulwa ngo-1994, unyaka owazuza ngawo inkululeko uMzantsi Afrika.