UDanny Jordaan uthi uyagqibelisa kwisikhundla seSafa!

UMnu. Danny Jordaan nguMongameli weSAFA. Umfanekiso: Sydney Mahlangu/BackpagePix

Uza kuxhuzula imikhala kwiSafa kude kufike unyaka ka-2026 uGqirha Danny Jordaan. Oku kuqinisekiswe kwinkomfa yolonyulo ebibanjelwe eSandton Convention Centre, eGoli, ngempelaveki egqithileyo. UJordaan uphumelele gqathu emva kokuzuza ikhulu elinamashumi asibhozo anesithandathu eevoti. Obephikisana naye, uNksz. Ria Ledwaba, ufumene ibathwana lamashumi amabini anesixhenxe nezisibhozo ezifunyenwe nguSolly Mohlabeng. Phambi kolonyulo, uJordaan ugxekwe kakhulu kwaye bekukho abathi makashenxe esikhundleni ukuze kungene omnye umntu. UJordaan wangena esikhundleni akuso ngoku ngo-2014. Emva kokonyulwa kwakhe, uJordaan uthembise ngelithi uyagqibelisa ukukhokela iSafa.

“Mandinixelele kwangoku, ndikhokela okokugqibela. Andube ndifumaneke ukusukela ngo-2026 ukuya ngo-2030,” utshilo uJordaan enkomfeni ebiphazanyiswe kukudlakatheliswa kweentatheli ngamalungu weSafa. Ngokokutsho kwakhe, uMongameli weSafa uthe uza kusebenzela ukukhulisa ibhola yamanenekazi. ‘Sizimisele ukuyikhulisa iWomen’s Football League ngoba lo nto iza kuqinisekisa ukuba umdlali ngamnye olinenekazi wamkela imali eyaneleyo. Akufuneka bathi bedlala ibhola – kodwa kufuneke benze eminye imisebenzi ukuze bakwazi ukuzondla. Kulapho siyakhona ke neHollywoodbets Super League,” utshilo uJordaan.

Abachasene noJordaan abaquka uLedwaba nabanye bakhe bazama ukuya ezinkundleni ngelizama ukuyimisa inkomfa – kodwa izicelo zabo ziye zakhatywa ziinkundla ezahlukeneyo. Nangona bekucacile ukuba uJordaan uza kuliphumelela ulonyulo – kodwa uLedwaba uyifumene inkxaso ebantwini baseMzantsi Afrika, imibutho nakumagqala ebhola ekhatywayo. “Bendisazi ukuba ngeke ndiphumelele – kodwa ndiyavuya ngoba ndilwile. Ndisatsho, kuufuneka utshintsho kuSafa,” utshilo uLedwaba. “Andibethwanga mna, yibhola ekhatywayo elahlekelwe sisicaka esifana nam. Oko ndangena kuSafa bendingajonganga nzuzo. Akukho apho ndiyakhona. Kuninzi oseza kuva apha kum,” utshilo uLedwaba emva kwekomfa yolonyulo.