UDanny Jordaan uyaziqhenya ngokwenziwe ngaBafana Bafana!

Uzingomba isifuba uMongameli weSafa, uGqirha Danny Jordaan, emva kwempumelelo ezuzwe liqela lesizwe lebhola ekhatywayo kwiAfrica Cup of Nations eqhubekayo e-Ivory Coast. ABafana Bafana bakwisigaba esiphambi kwesokugqibela kwiAfcon emva kokuba bethe babetha iCape Verde ngo’2-1 kwiipenela ngempelaveki egqithileyo.

NguRonwen Williams oweze aBafana Bafana ngokubamba iipenela ezine zeCape Verde. Ngaloo ndlela uzenzele imbali ngoba zange abekho unozinti obambe iipenela ezine emdlalweni omnye weAfcon.

ABafana Bafana balungiselela ukudibana neNigeria emdlalweni oza kube ungoLwesithathu kule veki. “Ndiyazingca ngokwenziwe ngaBafana Bafana,” utshilo uJordaan ethetha neDiski Times. “Bathi xa aBafana Bafana befumana igowuli lesibini kwiMorocco, abaphathi bayo basukuma bahamba.

Kodwa babuya bavuyisana nathi bencamile,” utshilo uJordaan ophumleyo ekugxekweni ukusukela oko kuqale iAfcon. UMzantsi Afrika udibana neNigeria ngomso eStade de la Paxi ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya.

Ngumdlalo oza kuba nzima kakhulu ngoba uMzantsi Afrika awukabinayo ilaka yokubetha iNigeria emidlalweni yeAfcon. Kodwa uMzantsi Afrika wakhe wayibethela ekhaya iNigeria ngonyaka ka2017 ngamagowuli awayefakwe nguPercy Tau noTokelo Rantie.

UJordaan umthembile umqeqeshi, uHugo Broos, futhi unethemba lokuba uza kuphinda awakwenza kwiAfcon esengumqeqeshi weCameroon. “NdandiseCameroon ngonyaka uBroos awaphumelela ngawo iAfcon. Ndatsho ukuba sidinga indoda efana naye.

“Uyabona naxa singadlalanga kakuhle ukuba unecebo elicacileyo lokuya phambili. Masincome abaqeqeshi nomhlalutyi ngokwenzeke kwiCape Verde. URonwen ebengumanqanqa kula mdlalo,” utshilo uJordaan.

Emva kwemidlalo emihlanu kwiAfrica Cup of Nations yalo nyaka, uMzantsi Africa uzingomba isifuba ngokugodusa amazwe oyikwayo aquka iMorocco, iTunisia neCape Verde kwaye uzimisele ukudlula kwiNigeria uyokudlala umdlalo wokugqibela xa kuvalwa iAfcon.