UDavid Notoane ugcotyiswe kukuphumelela kwaBafana Bafana

Sipho Mbule of South Africa challenged by Muzamiru Mutyaba of Uganda during the 2019 Cosafa Cup match between South Africa and Uganda at Princess Magogo Stadium, Durban on 04 June 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Umqeqeshi waBafana
Bafana, uDavid Notoane, ubaqhwabela izandla abadlali bakhe emva kokubuya
ngasemva baphumelela umdlalo. Iqela lesizwe loMzantsi Afrika lebhola ekhatywayo
libethe ilizwe lase-Uganda ngo’4-2 kumapenela emva kokubambana ngamagowuli amabini
macala (2-2) emdlalweni weCOSAFA Cup obuseThekwini emalanga izolo. Omabini la
mazwe ebesilwela ukufumana ithuba lokudlalela indawo yesithathu emva kokuphanza
kweenzame zawo zokuphumelela indebe kulo nyaka. Ushiyeke egcobile uNotoane emva
kokuba abadlali bakhe belwile izolo. Abanye babadlali abathe banceda uMzantsi
Afrika, obekulindeleke aphumelele indebe, yifolosi ebukhali uLuther Singh
nonozinti, uMondli Mpoto, owenze umsebenzi oncemekayo kakhulu.

Umqeqeshi
uvumile okokuba iqela lakhe beliphantsi koxinizelelo kwisigaba sokuqala
somdlalo – kodwa izinto ziye zajika kwisigaba sesibini. “Umdlalo ubunzima.
Andingethi indlela esidlale ngayo ibintle xa ujonga indlela yethu esidlala
ngayo ibhola. Ekuqaleni komdlalo bekukho ukungacaci kwindlela esidlala ngayo
ibhola. Kuye kwanyanzeleka ukuba sibashumise abadlali sibabonisa nendlela
efanelekileyo ngexesha lokuphumla. Sonwabe gqithi yindlela abadlale ngayo isiqingatha
sesibini somdlalo abadlali. Ndicinga ukuba ukungena kukaJemondre Dickens kwenze
umahluko omkhulu kwaye kuncede noLuther Singh oye wanomhlaba wokudlala ngcono. Zisigcobise
kakhulu iziphumo zomdlalo futhi sifunde isifundo kwindlela esikhabe ngayo
amapenela emdlalweni ogqithileyo,” utshilo uNotoane emva komdlalo izolo.

Kwiveki ephelileyo,
aBafana Bafana babethwe yiBotswana ngo’5-4 kumapenela emva kokuphisa ngomdlalo kwilizwe
lasebumelwaneni abebehamba phambili kunalo ngamagowuli amabini eqandeni (2-0). Ngoku
iqela likaDavid Notoane liza kudibana neMalawi ngentsimbi yesithandathu
ngoLwesihlanu emdlalweni ekuza kube kusilwelwa kuwo indawo yesithathu kwiCOSAFA
Cup eza kusongwa ekupheleni kwempelaveki. Yona iMalawi ibethe iComoros
ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni obungelulanga konke konke. Amagowuli
weMalawi afakwe nguGabadinho Mhango odlalela iBidvest Wits noChikoti Chirwa
ongene emdlalweni njengelalela.