Emva kwexesha elide kungacaci ngoDax, iKaizer Chiefs igqibe kwelokuba imkhulule ukuze adlalele iBlack Leopards kule sizini.
Kwiiveki ezidlulileyo, uAndriamirado “Dax” Andrianarimanana, 28, kwabolekiswa ngaye kwiLeopards kodwa waye wabuyela eNaturena emva kokungavisisani kwamaqela ngemiba ethile.
Kubonakala ngathi isonjululwe loo miba emva kokuba iChiefs ikhuphe ingxelo ngoDax.
“IChiefs ilifincile inani labadlali abavumelekileyo bangaphandle ngokomthetho wePSL, kungoko kugqitywe kwelokuba akhululwe umdlali waseMadagascar,” itshilo ingxelo ekhutshwe yiChiefs.
Sundowns 4-0 Otoho D’oyo
Pirates 1-1 Green Eagles
TS Galaxy 1-0 Saint Louis Suns United
Lusindiso Ndabakayise uthi iMighty Eagles iza kudlalela ukuwawisa AmaZulu!