Ifolosi yeStellenbosch FC eyoyikwayo, uAndre de Jong, ithi badibana neKaizer Chiefs ngexesha elihle. UDe Jong ukuthethe oku phambi komdlalo ophakathi kweStellenbosch neChiefs ngentsimbi yesixhenxe ngorhatya eFNB Stadium namhlanje.
Iqela laseNtshona Koloni liza kudibana neChiefs likhuthazekile kakhulu emva kokuba libethe iCD Lunda Sul FC ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weCAF Confederation Cup obubanjelwe eLoftus Versfeld Stadium emalanga ngeCawe egqithileyo.
“Umoya wabadlali enkampini uphezulu futhi mhle. Sihleli kwiphondo laseGauteng ukusukela ngempelaveki egqithileyo. Ndicinga ukuba wonke umntu eqeleni lethu ukulungele ukulwela iziphumo ezihle xa sidibana neChiefs,” utshilo uDe Jong kwikhasi lomnatha leStellenbosch.
Iqela likaSteve Barker lihleli kwindawo yesihlanu kwiBetway Premiership emva kokuqokelela ishumi elinesithandathu lamanqaku emidlalweni elishumi. Lingasentla ngenqaku elinye kwiChiefs ehleli kwindawo yesixhenxe.
Kwisizini egqithileyo, iStellenbosch FC yayibetha ngo’1-0 iChiefs emdlalweni wokugqibela. Namhlanje iya inethemba lokuyibetha ithathe amanqaku apheleleyo kwakhona. Kulindeleke umdlalo osemgangathweni ophezulu macala omabini ngoba iqela ngalinye liza kulwela ukuphumelela umdlalo.
“Ngumdlalo obalulekileyo lo kuthi. Sinemidlalo emininzi ngenxa yokubandakanyeka kwethu emidlalweni yeCAF. Kunyanzelekile sifumane amanqaku apheleleyo,” utshilo uDe Jong ofumene amagowuli amabini emdlalweni obungempelaveki.
“Kumnandi kum emva kokuba negalelo emdlalweni esiwudlale neLunda Sul – kodwa okubaluleke kakhulu ngamanqaku amathathu afunyenwe liqela phambi kokudibana neStatde Malien ngeCawa. Kodwa iingqondo zethu siza kuzibeka emdlalweni wangoLwesithathu esiza kudibana kuwo neChiefs.
Kusonwabisile ukuphumelela ngempelaveki egqithileyo futhi Sinethemba lokuba iza kusinceda lo nto kwiBetway Premiership,” uvale ngalo mazwi uDe Jong. Ukuzothi ga ngoku, iStellenbosch ineshumi elinesithandathu lamanqaku.
iSundowns ingombe iSibanye emdlalweni obutaka iintlantsi eLoftus Stadium!