UDe Reuck uza kudlaliswa ndawoni kwiDowns?

Phambi kokuphela kwenyanga yokuqala kulo nyaka, iMamelodi Sundowns yamkele uRushine De Reuck njengomdlali wayo wokuqala. UDe Reuck, 25, utyikitye isivumelwano sengqesho seminyaka emihlanu kwiSundowns emva kokudlalela iMaritzburg United – apho aziqaqambise khona njengomnye wabadlali basemva abaphambili ebholeni yaseMzantsi Afrika. Abantu abaninzi bacinga ukuba uza kudlaliswa emva kuba kusweleke uMotjeka Madisha nangenxa yokonzakala kwabadlali, kodwa iindaba eziphuma eChloorkop zithi abaqeqeshi bacinga ukumdlalisa esiswini uDe Reuck apho aza kukhuphisana nezitshovutshovu zabadlali ezifana noHlompho Kekana, uAndile Jali, uRevaldo Coetzee, uGeorge Maluleka, uMthobi Mvala nabanye. Kunokwenzeka abaqeqeshi baza kuthatha uCoetzee bamse emva apho ebeqhele ukudlala khona kakade phambi kokudlaliswa esiswini nguPitso Mosimane oqeqesha iAl Ahly yaseYiphutha ngoku.

“Siyawazi amandla kaDe Reuck,” utshilo uManqoba Mngqithi. “Ungomnye wabadlali abasemgangathweni ophezulu kweli lizwe. Mna ndicinga ukuba angalunga xa enokudlaliswa njengenjini yeSundowns esiswini. Sendincokole naye ngalo nto ngoba sifuna ukuba nabadlali abakwaziyo ukudlala kwiindawo ezininzi. Siyamazi uyakwazi ukudlala emva kodwa ndimbona esenza umahluko xa edlala esiswini mna. Yiyo lo nto kubalulekile kuthi ukufumana umdlali odlala iindawo ezimbini eqeleni. Ndinethemba elikhulu; uza kwenza indima enkulu kwizinto ezifuna ukuzenza kule sizini,” utshilo uMngqithi kumajelo eendaba, ethetha ngomdlali wakhe omtsha. UDe Reuck unethuba lokuzuza indebe yokuqala njengomdlali ngoba ufika iSundowns ivule umsantsa wamanqaku amahlanu phezulu kwiDStv Premiership. Kunokwenzeka afumane ithuba lokudlala kwamsinyane ngenxa yabadlali abonzakeleyo.