UJean de Villiers owayeyikapteni yeSpringbok akazukudlala kwiqela laseNgilane iLeicester Tigers kwisizini ezayo.
Lo mdlali uneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu udlale imidlalo emibini kwiLeicester oko wathi wafika kweli qela emva kwendebe yehlabathi yombhoxo, kunyaka ophelileyo.
Ukwenzakala kwakhe edolweni kuye kwamthintela ukuba adlale, wagqibelisa ukudlala kweyoMdumba kumdlalo weLeicester neLondon Irish, naye weza namanqaku amahlanu kulo mdlalo.
Umlawuli wombhoxo kwiLeicester uRichard Cockerill uthe: “Uphelelwe sisivumelwano sakhe sokudlala, kwaye njengokuba kubuya uMatt Toomua kucacile ukuba uzakuhlala isizini enye uDe Villiers.
“Ukuba uJean uthatha isigqibo sokuqhubeka nokudlala, ixhomekeke kuye loo nto.”
UDe Villiers waye wabeka phantsi kumbhoxo wamazwe ngamazwe emva kokwaphuka umhlathi kumdlalo owawuphakathi kweSpringbok neSamoa kunyaka ophelileyo.
Abafundi bematriki ka2024 benze imbali!