UDe Villiers usilahlile isikhundla seProteas

South Africa captain AB de Villiers batting as Luke Ronchi looks on. One Day International Cricket. New Zealand Black Caps v South Africa Proteas. Eden Park, Auckland. New Zealand. Saturday 4 March 2017 © Copyright photo: Andrew Cornaga / www.photosport.nz

Umdlali weqela lesizwe leqakamba ophambili, u-AB de Villiers, ugqibe kwelokuba abeke phantsi njengoKaputeni kwi-ODI nangona engabeki phantsi njengomdlali. Lo kaDe Villiers wenze ezi zibhengezo kwikhasi lonxibelelwano, uTwitter, ngenjikalanga yayizolo. Isibhengezo esenziwe yile ndedeba sifika kukho ukungaqiniseki ncam ngekamva lakhe kwiProteas emva kweengxelo ezithi wakhetha ukungabiyinxalenye yemidlalo edlalwe neNgilane kutshanje. Lo mdlali uzikhanyele walala ngomqolo iingxelo ezithi uyayikhetha imidlalo afuna ukuyidlala kwiqela lesizwe.

“Kuninzi kakhulu okuthethiweyo nokubhaliweyo kwezi nyanga zilishumi elinesibini zidlulileyo. Ndicinga ukuba lifikile ixesha lokuba ndicacise okwenzekayo. “Kwisithuba sonyaka odlulileyo, ndizamile ukumelana nomthamo womsebenzi wam. Bendidiniwe; mna nomfazi wam sikhulisa abantwana ababini kwaye ukudlala kuyo yonke le midlalo ukusukela ngo-2004 kundishiye ndinxaphile. Mna neCricket South Africa sizamile ukuza nesicwangciso esilungele isimo sam. Lo nto ibangele abantu bacinge okokuba mna ndiyayikhetha imidlalo endiyidlala kwiProteas. Akukho nyaniso kulo nto.

“Ukudlalela uMzantsi Afrika yinto enkulu kum kwaye kuya kuhlala kunjalo. Ngoku siyamazi uFaf du Plessis ubengukaputeni oqaqambileyo kwimidlalo yeT20 nakwimidlalo yovavanyo. Sendiyazisile ke iCricket South Africa okokuba ndicela ukubeka phantsi. Ibe liwonga elikhulu kum ukukhokela iqela lesizwe kule minyaka emithandathu edlulileyo – kodwa ngoku lifikile ixesha lokuba kungene omnye omntu ozakukhokela kwimidlalo ye-ODI. Ndizimisele ukumxhasa nokuba ngubani otyunjiweyo. Emva kokuphumla, ndingatsho ukuba ndikulungele ukudlala kuzo zonke izintlu zemidlalo yeziswe.

UDe Villiers uva ngokuthi uzimisele ukwenza konke okusemandleni wakhe – kodwa into angenawuyiqinisekisa yimitsi neebhola azakuzibamba xa esebaleni ngoba akukho mntu onokuyenza lo nto.