Owayengumdlali esiswini kwi-Orlando Pirates, uBenedict ‘Tso’ Vilakazi, izolo ubhengeze ukuba uyekile ukudlala ibhola ekhatywayo ngokusesikweni.
Le ndedeba ekwadlalele aBafana Bafana neMamelodi Sundowns, ithe ilungiselela ukuba ngumqeqeshi ngoku.
UTso ubonwe encedisa elinye lamaqela abethath’ inxaxheba kwimidlalo ye-Engen Knockout Challenge ebibanjwe ngempela veki.
“Ewe, ndikuyekile ukudlala ibhola, ndigqibezela izifundo zoqeqesho zeCAF kwaye ndilinde isatifikiti sam,” ucatshulwe esitsho ngamajelo endaba uVilakazi.
Le mambane igqibelise udlala kudidi oluphezulu kwiqela elikwilizwe elisebumelwaneni iBotswana Meat Commision kwisithuba seminyaka emibini eyadlulayo.
Apha eMzantsi Afrika wazenzela udumo kakhulu ngentsuku zakhe kwi-Orlando Pirates, Mamelodi Sundowns kunye neBlack Leopards.
Ubomi ejele kutata owadlwengula intombi yakhe ngokuphindaphindiweyo