Ude waphuma uhili ezingcongolweni

Stuart Baxter, coach of Supersport United during the 2017 Nedbank Cup match between Kwadukuza United and Supersport United at the Sugar Ray Xulu Stadium, South Africa on 04 April 2017 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Emva kokugugusheka iinyanga ezine zonke, uhili ude waphuma ezingcongolweni namhlanje. Umbutho olawula ibhola kweli lizwe, iSouth African Football Association, wazise uStuart Baxter njengomqeqeshi omtsha weBafana Bafana. UBaxter ungena endaweni kaShakes Mashaba owagxothwa phambi kweKrismesi ka’2016. emva koxinizelo lwabathandi bebhola, iSafa ikhuphe ingxelo izolo ethi bavumelene nomqeqeshi ozakuxhuzula imikhala.

Nangona babeliqela abaqeqeshi ababegacele esi sikhundla – kodwa sifunyenwe nguBaxter oqeqesha iSuperSport United. kwinyanga ezidlulileyo, izikhulu zeSuperSport, zaye zanika iSafa ilungelo lokuthetha nalo mqeqeshi emva kokuthi ndiiii kweendaba ezimoyamanisa neBafana Bafana.

“Siyavuya emva kokuvumelana neSuperSport United ngokukhulula umqeqeshi. Siyakholelwa ukuba lo mqeqeshi unezakhono ezaneleyo zokuqubisana nemiceli-mngeni ye-Africa Cup of Nations neFIFA World Cup. Siyayibulela inkxaso esiyinikwe yiSuperSport United.” itshilo uDennis Mumble, ingqonyela yeSafa.

Kuye kwanyanzeleka ukuba iSafa ibhatale inkuntyula yemali engachazwanga ukuze kukhululwe uBaxter yiSuperSport United. Njengokuba kusondela imidlalo yeBafana Bafana, kulindeleke umqeqeshi anikwe ixesha ngaMatsatsantsa a Pitori ukuze akwazi ukwenza amalungiselelo.