UDean Elgar akawuvali umlomo ngeProteas ebethe amaNdiya kweyovavanyo

Iqela lesizwe loMzantsi Afrika leqakamba libhiyozela indebe emva kokubetha amaNdiya emidlalweni yovavanyo eKapa. Umfanekiso: Ryan Wilkisky/BackpagePix

Emva kweminyaka emininzi iqelalesizwe loMzantsi Afrika leqakamba lalahlekelwa sisidima ngenxa yokungaqhubi kakuhle emidlalweni yehlabathi, ngoku kukho intlantsi yethemba kwakhona. Njengokuba iziphumo ezincumisayo bezinqongophele, ingxaki enkulu kwiqakamba yaseMzantsi Afrika lulawulo oluhesheheshe nezinye izinto ebezingenziwa kakuhle. Ukuphumelela kwawo uMzantsi Afrika ubetha oomanqanqa behlabathi, i-India, emidlalweni yovavayo ibe yinto enkulu kakhulu kwaye kufunqule nokuzithemba kubadlali. Impumelelo izalwe kukuzimisela kwabadlali beProteas, ingakumbi uDean Elgar – onguKapteni wemidlalo yovavanyo.

“Indlela abafana bakaMark Boucher ababuye ngayo emidlalweni yovavanyo ifanelwe kukunconywa ngoba umdlalo wokuqala amaNdiya awuthathela kuwo atsho aqinisa indawo yawo ephezulu kwiqakamba yehlabathi. Njengendoda ekhokeleyo, uDean Elgar, kuye kwanyanzeleka ukuba abakhuthaze oogxa kunzima ebaleni kakhulu. Umbuzo: amaNdiya ebethwe njani nguMzantsi Afrika? “Kufuneka ube ngumntu owomeleleyo ukuze ukwazi ukumelana neemeko ezinzima,” utshilo uElgar emva komdlalo. “Xa ungumdlali odlala kwinqanaba eliphezulu, ngamanye amaxesha kufuneka kuthethwe dlakadlaka. Ukuba awuyithandi lo nto, bona ukuba uthini. Mna ndingumntu osadla ngendebe endala – kodwa ndiyaziqonda izinto zale mihla.

“Ndabanika uxanduva abadlali abadala ndinethemba lokuba baza kuyifunqula indlela abadlala ngayo. Kuye kwamnandi kakhulu kum ukubukela indlela abazijule ngayo emdlalweni,” utshilo uElgar ebalisa indlela iqela lakhe eliguqise ngayo phantsi amaNdiya ahamba phambili kwiqakamba yehlabathi. Ngaphandle kokuzimisela koMzantsi Afrika, kwakungekho nelincinci ithemba lokumlana ne-India. “Ndizingomba isifuba ngomsebenzi owenziwe ngabadlali phantsi kweemeko ezinzima. Ndabacela abadlali ukuba baphucule indlela esidlala ngayo. Bayenzi le nto kakuhle kakhulu. Indivuyisa kakhulu indlela esiphumelele ngayo,” utshilo uElgar.