Omnye wabadlali abaphambili kwi’Orlando Pirates, uDeon Hotto, uvumile ukuba abadlali abatsha abafunyenwe yiKaizer Chiefs bangayiguqula indlela abawujonga ngayo umdlalo. UHotto ukuthethe oku phambi komdlalo omkhulu weBetway Premiership oza kube uphakathi kwePirates neChiefs ngecala emva kwentsimbi yesithathu emalanga ngoMgqibelo, eFNB Stadium, ekulindeleke ukuba igcwale kungabikho nendawo yokunyathela emva kokuphela kwamatikiti kusashiyeke iiveki.
Ezimnyama ziya emdlalweni zikhuthazekile emva kokubetha iRichards Bay ngamagowuli amathathu kwelinye emdlalweni weNedbank Cup kwiveki ephelileyo. Kodwa okuzikhuthaza kakhulu kukuba ziqhuba kakuhle kule sizini eqhubekayo nangona zisendaweni yesibini emva kweMamelodi Sundowns ebambe indawo yokuqala.
Amakhosi aya emdlalweni ebhetele emva kokufika kukaGlody Makabi Lilepo waseD.R. Congo, uThabo Cele noTashreeq Morris. Nangona kunjalo, uHotto ngomnye wabadlali abayingozi kwiPirates. “Abadlali abatsha kwiChiefs baza kubanalo ifuthe kwindlela esilungiselela ngayo umdlalo,” utshilo uHotto ekuqaleni kwale veki kumajelo eendaba eRand Stadium.
“Ndiyibonile ifolosi esuka kwiSuperSport United. Idlala kakuhle kakhulu futhi ikhuthele. Akukho nto esiyazi kakhulu ngoCele noLilepo. Lo nto iza kuyiguqula kancinci indlela esiza kuzilungiselela ngayo. Kodwa siqinisekile ukuba abaqeqeshi baza kusinika iinkcukacha ngabadlali esingabaziyo kuze siye emdlalweni siwulungele.
UHotto ulikhuphe latsola ilizwi elithi into ebalulekileyo kwiPirates kukufumana amanqaku apheleleyo emdlalweni ojongwe ngamehlo abomvu ngabalandeli bebhola ekhatywayo eMzantsi Afrika.
IPirates ifuna ukuphumelela ngoMgqibelo ngoba ifuna ukuvala umsantsa wamanqaku amathandathu Phakathi kwayo neSundowns ekwindawo yokuqala kwiBetway Premiership. Kungakuhle kwiBucs ukuba ingawafumana phambi kokuba idibane neSundowns emdlalweni okwimpelaveki ezayo.
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup