UDesiree Ellis akafuni idelelwe iBurundi emdlalweni weWafcon

ULinda Maserame Motlhalo weSouth Africa noHalimatu Ibrahim Ayinde weNigeria emdlalweni weWomens Africa Cup of Nations obuseStade Prince Moulay Al Hassan Stadium, eRabat. Umfanekiso: Samuel Shivambu/BackpagePix

Nangona uMzantsi Afrika uyiqale kakuhle iAfrican Women’s Cup eteketiswa ngegama elithi Wafcon – kodwa umqeqeshi, uDesiree Ellis, akafuni bayekelele umxakatho abadlali bakhe emdlalweni olandelayo. ABanyana Banyana benze ezibukwayo emdlalweni wokuqala ngokubetha iNigeria eyoyikwayo ngamagowuli amabini kwelinye (2-1) emdlalweni kaGroup C obuseStade Moulay Hassan Stadium ngorhatya lwangoMvulo. Okwenziwe nguMzantsi Afrika kunconyiwe kakhulu ngabalandeli ngoba ukubetha iNigeria eyingozi asinto eyenzeka lula. Isiqingatha sokuqala sisongiwe kungekho nalinye qela elikwazileyo ukubhalisa igowuli ebhodini. UMzantsi Afrika, odlale umdlalo okkrokrisayo kwisigaba sokuqala, ubuyele ebaleni ulume ongezantsi kwisigaba sesibini.

Ufumene amagowuli afakwe nguJermain Seoposenwe emzuzwini wamashumi amathandathu ananye noHildah Tholakele Magaia emzuzwini wamashumi amathandathu anesithathu. Amanenekazi oMzantsi Afrika alwe kwade kwasekugqibeleni ezama ukukhusela amagowuli wawo kwiNigeria ekwazileyo ukufumana elobika elifakwe nguRasheedat Ajibade kwixesha elongezwe ngusompempe. Ubaqhwabele izandla abadlali bakhe uDesiree Ellis emva kokwenza umsebenzi oncomekayo emdlalweni wokuqala weWafcon. “Phambi komdlali, ndikubethelele ukubaluleka kokuphumelela umdlalo wokuqala, ingakumbi xa sidlala neNigeria. Besisazi ukuba yimpumelelo eza kusinika amandla nokuzithemba. Abadlali benze umsebenzi omhle kakhulu,” utshilo uEllis emva komdlalo.

Bazenzile iimpazamo abadlali boMzantsi Afrika – kodwa okuhle kukuba bakwazile ukuzilungisa kwasemdlalweni. “Abadlali badlale ngqo ngala ndlela ebesicwangcise ngayo. Yinto enkulu kuthi ukubetha iNigeria ngoba ibonisa into enokulindelwa kwitumente yonke. Besisazi ukuba asinakumelana neNigeria ngamandla. Ndithe mababeke ibhola phantsi bayidlale. Umdlalo wethu ubungemhlanga kwisigaba sokuqala kwaye asikwazanga ukusebenzisa izithuba eziye zavela. Siwulawule umdlalo kwisigaba sesibini kwaye nomdlalo obubhetele kakhulu,” utshilo uElis ongafuni uMzantsi Afrika uyekelele xa udibana neBurundi evuthululwe ngamagowuli amane kwamabini (4-2) yiBotswana emdlalweni obungoMvulo. “Akukho nalinye iqela esiza kulidelela. Kukho amaqela afana neSenegal neMali ongekhe uwadelele,” uvale ngaloo mazwi uEllis.