UDesiree Ellis noThembi Kgatlana ababoni ngasonye ngokubethwa kwaBanyana Banyana!

Abadlali beqela lesizwe kwitumente yehlabathi. Umfanekiso: Facebook

Ngentseni yanamhlanje, aBanyana Banyana baphantse benza imbali kwiNdebe yeHlabathi – kodwa akubanga njalo emva kokuphuncuka kwempumelelo sele beyifumene. Oku kwenzeke emva kokuba uMzantsi Afrika ubambene ne’Argentina ngamagowuli amabini macala emdlalweni weFIFA Women’s World Cup obuseDunedin Stadium, eNew Zealand, namhlanje ekuseni. Udano belubhalwe ebusweni ebadlalini boMzantsi Afrika onkqenkqeze phambili ngamagowuli amabini eqandeni phambi kokubuya kwe’Argentina. UMzantsi Afrika uye kwixesha lokuphumla uhamba phambili ngegowuli elifakwe nguLinda Motlhalo onikelwe ibhola entle nguThembi Kgatlana. Iqela likaDesiree Ellis liye kwixesha lokuphumla kukuhle ngoba umdlalo beliwulawula. Iqale kakuhle yona iArgentina ebekubonakala ukuba iye emdlalweni ifuna ukufaka igowuli kwangoko kwisigaba sokuqala.

Amandla wayo aye ehla kwakucaca ukuba aBanyana Banyana banazo zonke iimpendulo zezinto ebizizama. Ukuhamba phambili ngegowuli kwisigaba sokuqala, kuzikhuthazile iintshatsheli ze’Afrika nakwesesibini isigaba somdlalo nangona ziye zalahlekelwa nguJane ngenxa yokonzakala kwisigaba sokuqala. Kuthe xa uKgatlana efaka igowuli lesibini kwisigaba sesibini, kwacaca ukuba uMzantsi Afrika usecicini lokufumana impumelelo yokuqala kwitumente yehlabathi. Kodwa iimpazamo zabo aBanyana Banyana zinike iArgentina ithuba lokubuya emdlalweni nokufaka amagowuli amabini. Anciphe ngolo hlobo amathuba okudlulela phambili koMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi. UKgatlana, ochongwe njengomdlali obalaseleyo emdlalweni, ukhombe ingxaki phaya emva kwiqela lakhe.

“Kufuneka siqinise phaya emva ngoba siliqela elikwaziyo ukufaka amagowuli. Xa kungena amagowuli kuthi, kumka la sesiwafumene. Emdlalweni ozayo, kufuneka sizame ukufumana impumelelo yethu yokuqala,” utshilo uKgatlana. “Umdlalo siwuqale kakuhle kwisigaba sokuqala nakwesesibini. Sikwazile ukufumana amagowuli – kodwa kuye kwakhona ukudinwa xa ujonga izigqibo esizenzileyo ebaleni. Abadlali baphazamisekile – kodwa ke kum, kungcono inqaku elinye kunongafumani kwa nto,” utshilo uKgatlana. Kwelinye icala, umqeqeshi ukhale ngamathuba angasetyenziswanga ziifolosi zakhe. “Andiqondi ukuba ngabadlali bethu basemva ingxaki. Bazame kakhulu. Ingxaki ngamathuba esiwadalileyo esingawasebenzisanga emdlalweni. Sense izigqibo ezibi kwiindawo ebekufanele ukuba zisinike amagowuli,” utshilo umqeqeshi emva komdlalo namhlanje ekuseni.