UDesiree Ellis ubancomile aBanyana Banyana nangona begxizwe yiSerbia

UZivana Stupar weSerbia noKholosa Biyana woMzantsi Afrika emdlalweni wobuhlobo obubanjelwe eSportski Centar FSS , eStara Pazova, eSerbia. Umfanekiso: © Alexsandar Djorovic/BackpagePix

Amalungiselelo wetumene yehlabathi weqela lesizwe lamanenekazi oMzantsi Afrika adlala ibhola ekhatywayo awaqala kakuhle. Nakubeni kunjalo, uDesiree Ellis, uwuncomile umsebenzi owenziwe liqela lakhe. ABanyana Banyana baguqiswe phantsi yiSerbia ngamagowuli amathathu kwamabini emdlalweni wokucweya obuseStara Pasova Stadium ekuqaleni kwale veki ngoMvulo. Lo mdlalo usisiqalo samalungiselelo seentombi zikaDesiree Ellis phambi kwetumente yehlabathi ejongwe ngamehlo abomvu kumazwe amabini aza kuyisingatha iAustralia neNew Zealand kwinyanga yeKhala. Amantombazana waseSerbia awugqagqanisele kwa kwisigaba sokuqala somdlalo awaseMzantsi Afrika.

Kuyiwe kwixesha lokuphumla iSerbia inkqenkqeza phambili ngamagowuli amathathu kwelinye. Emizuzwini engamashumi amabini anesibini kwisigaba sokuqala, iSerbia ibiseyibagxize ngamagowuli amabini aBanyana Banyana. Kodwa kuyiwe kwixesha lokuphumla uMzantsi Afrika sowubhalisile ebhodini. Akukho nto engako eyenzekileyo kwisigaba sesibini – kodwa aBanyana Banyana baye balwa kakhulu bade bafumana igowuli lesibini. UMzantsi Afrika udibene neSerbia iseshushu emva kokuvuthulula iBosnia nrHerzegovina. Okuhle kukuba abaqeqeshi boMzantsi Afrika bakwazile ukubona izinto ezifuna ukulungiswa njengokuba kusiyiwa kwitumente yehlabathi.

Uvumile umqeqeshi waBanyana Banyana ukuba khange liwuqale kakuhle umdlalo ogqithileyo. “Emizuzwini yokuqala elishumi elinesihlanu, sifumene iikona – kodwa asikwazanga ukuwasebenzisa. Kukho iibhola endicinga ukuba ngesizisebenzise bhetele,” utshilo uEllis emva kokuphela komdlalo. “Emva kokufakwa kwamagowuli kuthi, umdlalo wethu uye waphucuka. Sikwazile ukuwulawula umdlalo – kodwa asikwazanga ukuwasebenzisa amathuba amahle amabini esiwafumeneyo. Kwisigaba sesibini sidlale kakuhle ngoba sikwazile ukuzivala iziphazamisa iinzame zabo,” utshilo uEllis. ABanyana Banyana balungiselela ukudibana neSweden, Italy ne’Argentina kwitumente yehlabathi yabo yesibini abafuna ukwenza ngcono kuyo.