UDesiree Ellis ulola abadlali bakhe abaya kwitumente yehlabathi

UDesiree Ellis ngumqeqeshi waBanyana Banyana. Umfanekiso: ©Muzi Ntombela/BackpagePix

Baphekwa besophulwa abadlali beqela lesizwe lamantombazana adlala ibhola ekhatywayo enkampini eseGoli. Okwenziwa liqela lesizwe yinxalenye yamalungiselelo walo njengokuba sekushiyeke iintsuku ezingaphantsi kwamashumi asibhozo kuqale itumente yehlabathi yamantombazana eNew Zealand nase’Australia. Ukudityaniswa kwabadlali ndawonye kunika umqeqeshi weqela, uDesiree Ellis, ithuba lokubona kakhuhle abadlali abakulungeleyo ukuya naye emfazweni. Kanti kwelinye icala, lithuba labadlali lokuqhelana nabanye ukuze kwakhiwe iqela eliluqilima phambi kwetumente yehlabathi. Kubalulekile ukubonisa ukuzimisela kwabadlali ngoba kuphela kwendlela abangaxhiphula ngayo iliso likaDesiree Ellis oya okwesibini kwiNdebe yHlabathi njengomqeqeshi waBanyana Banyana.

Oku kwenzeka umqeqeshi ekhuthazekile kukunikwa iwonga leKhamanga nguMongameli uCyril Ramaphosa emva kokuba iqela lakhe laba ziintshatsheli zezwekazi le’Afrika okokuqala kunyaka ophelileyo. “Sikhe sadibana ngaphambili ngolu hlobo. Kwasinceda kakhulu ngoba satsho sakwazi ukungciba iintanda kwindlela esisebenza ngayo ebaleni xa sidlala. Kweli ityeli, sinethemba lokuziloka ukuze sikwazi ukusebenzisa amathuba avelayo emidlalweni afana neekona ngoba ziyasoyisa ngamanye amaxesha. Iveki enye ingakhangeleka ilixesha elifutshane – kodwa kuninzi esingakwenza njengakwityeli elidlulileyo,” utshilo uEllis ekuqaleni kwale veki eGoli. Kwitumente ebingonyaka ka-2019 kwilizwe laseFrance – iqela likaDesiree Ellis lakhululiswa ijezi kwa kumjikelo wokuqala.

Kweli ityeli, uEllis uzimisele ukwenza umsebenzi oncomekayo. Yiyo lo nto eqale amalungiselelo kwangethuba. “Nongona abadlali abasenkampini benalo ithuba lokuya kwitumente yehlabathi – kodwa icango alikavalwa. Kubalulekile ukuzibonakalisa kwabadlali. Wonke umdlalo kufuneka adlale ngokukhulu ukuzimisela ukuze kwiqela labadlali abaza kumela isizwe kwitumente yehlabathi,” utshilo uEllis. Kanti yena uNksz. uNozipho Mbatha, umanejala wakwaSasol ongumxhasi omkhulu webhola ekhatywayo yamantombazana, ukhuthaze abadlali ngelithi mabazimisele ngoba ukuya kwitumente yehlabathi kungabavulela amathuba amahle okukhula ebholeni. UMzantsi Afrika uthelekiswe namazwe ayingozi kwitumente yehlabathi aquka iSweden, Italy ne’Argentina kuGroup G.