UDesiree Ellis uthi yimpumelelo abayizuzileyo eyona nto ibalulekileyo

Izikhulu zombutho olawula ibhola ekhatywayo eMzantsi Afrika nabantu nje ngokubanzi basachulumance nangoku emva kokuba iqela labo lesizwe lamantombazana, iBanyana Banyana, lizuze impumelelo kwiveki ephelileyo. IBanyana Banyana izenzele udumo ngokuphumelela indebe yeCosafa Women’s Championship emva kokubetha ilizwe laseZambia ngo’5-3 kumapenela kumdlalo obuseBarbourfields Stadium, eZimbabwe, ngeCawe edlulileyo. Le mpumelelo inkulu kangaka ivela emva kwesha elide amaqela ebhola ekhatywayo kweli lizwe ezama ukufumana iindebe – kodwa engaphumeleli. Oyena umntu odlale indima ephambili kwimpumelelo yala mantombazana adlala ibhola ekhatywayo ngumqeqeshi olibambela – uDesiree Ellis.  Lo mqeqeshi obambeleyo wenze imbali ngokuthi abengumdlali nomqeqeshi wokuqala eMzantsi Afrika ophumelele le ndebe izihlandlo ezibini zonke.

Njengokuba iSafa iqwalasela amagama wabaqeqeshi abazakuthatha isikhundla esashiywa nguVera Pauw, ngoku kunyanzelekile u-Ellis imqwalasele emva kokuyinika indebe. UDesiree Ellis uvumile okokuba uzenzile iimpazamo kwimidlalo ethile – kodwa usifundile isifundo kulo midlalo. “Bekungelulanga kwaphela ekuqaleni ngoba ukuba ngumqeqeshi oyintloko emva kokuba lisekela yinto enzima. Ndizenzile iimpazamo kwimidlalo emibini kula tumente – kodwa zindifundisile ezo mpazamo. Ndikhulile ngoku, ibhola ekhatywayo injalo. Ukuba ngumqeqeshi kuhamba nokuthatha izigqibo nokufunda isifundo xa izinto zingahambi kakuhle,” utshilo u-Ellis.

Le ntokazi yakwa-Ellis ilisebenzise kakuhle ithuba elifumeneyo kwaye ifunde isifundo kwenye yeetumente ezinzima kwizwekazi le-Afrika. “Ndingatsho ukuba ndikhulile ngoku njengomqeqeshi. Indlela abadlali abasebenza ngayo ndiyibambile. Bendingathanda ukunika abadlali abatsha ithuba lokudlala. Eli qela labadlali lidlale kakuhle kakhulu kula tumente. Indlela esichonge ngayo abadlali ibimbaxa kakhulu – lo nto iyandonwabisa kakhulu. Andizimiselanga kuzikhathaza ke ngezinye izinto ngoba eyona nto ebalulekileyo kum kukuba sibuye nayo indebe,” utshilo u-Ellis.

Umdlali ophambili kwiBanyana Banyana okwadlale indima ebalulekileyo nguLeandra Smeda. Lo mdlali uzenzele udumo ngokufaka amagowuli amane kwitumente edlulileyo. le ntokazi ithi iqela lesizwe kufuneka libe bukhali phambi kweepali ukuba lifuna ukwenza ngcono kwiitumente ezifana neWomen’s Africa Cup of Nations nakwimidlalo ehlakulela indebe yehlabathi ka-2019. “Kokokuqala ndifumana amagowuli amane njengomdlali weBanyana Banyana kwitumente enje ngale. Wonke umntu kwiqela lethu wonwabile kwaye udlale kakuhle. Ndicinga ukuba sizakudlala kakuhle kwimidlalo ezayo,” utshilo uSmeda.

“Sibonisile kule tumente ukuba siyakwazi ukufaka amagowuli. Ngoku kufuneka siqhubele phambili nakwimidlalo ehlakulela indebe ye-Afrika naleyo yehlabathi. Soze kubelula ngoba ngoba kufuneka siqale sifumane indawo kwi-Afcon ezayo. Ndidlalile kwi-Olimpiki, kwi-Afcon nakwiCosafa Women’s Championship. Ndiyayivuyela inkqubela endiyenzileyo kwikhono lam lebhola ekhatywayo – kodwa andikadlali kwiFifa Women’s World Cup. Yeyona nto ndiyifunayo leyo ngoku,” utshilo uSmeda.