UDesiree Ellis uvuyela iBrazil ezokucweya naBanyana Banyana

Umongameli uCyril Ramaphosa, uDesiree Ellis noRefiloe Jane emsithweni obusePitoli kwiiveki ezidlulileyo: ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Kungenwa kwinyanga yesibini ngoku ukusukela mhla uDesiree Ellis nabadlali bakhe babhala iincwadi zembali yebhola ekhatywayo yamanenekazi ngokuphumelela indebe yeAfrika. Ukusukela oko aBanyana Banyana babuyela ekhaya bethe qhiwu indebe yeWafcon, emva kokubetha iMorocco ngo’2-1, bebesoloko bejikeleza kwiindawo ngeendawo kuvuyiswana nabo. Kodwa ngoku lifikile ixesha lokuba babuyele enkomeni kwakhona ngoba kukho itumente yehlabathi abayilungiselelayo abaya kuyo kunyaka ozayo. Ekuqaleni kweveki, uEllis ubhengeze amagama wabadlali bakhe njengokuba iqela lakhe lilungiselela ukudlala neBrazil emidlalweni emibini yobuhlobo.

Owokuqala uza kubanjelwa e-Orlando Stadium ngomso, omnye uza kubanjelwa eMoses Mabhida Stadium ngoMvulo umhla wesihlanu kule nyanga. Umqeqeshi waBanyana Banyana ulivuyele kakhulu ithuba lukudibana beqela elisemgangathweni ophezulu njengeBrazil emidlalweni emibini. Iintombi zakhe ziya kule midlalo zikhuthazekile emva kokuthiwa jwaxe ngeebhonasi eziphume kuSafa, isebe lezemidlalo nakuSasol – umxhasi omkhulu webhola ekhatywayo yamanenekazi eMzantsi Afrika. Ethetha ekuqaleni kwale veki, uEllis uthe: “Sibulela uSafa noSasol ngokusifumanela iqela esiza kudlala nalo elifana neBrazil.”

Bathathu kuphela abadlali abaqhelekileyo abangabizwanga. NguThembi Kgatlane owenzakeleyo, uSibulele Holweni owenzakeleyo naye noNoko Matlou osokoliswa ziincwadi zokundwendwela. “Kusichulumancisa kakhulu ukudibana neBrazil ngoba isemgangathweni futhi kukho imbali phakathi kwethu nayo. Sikhe sadlala nayo eRio de Janeiro kwiminyaka egqithileyo. Ukuzivavanya kwiBrazil yinto enkulu kakhulu kuthi,” utshilo uEllis. Imidlalo emikhulu njengale iza kunceda uMzantsi Afrika kwitumente yehlabathi efuna ukwenza ngcono kuyo kunaleyo idlulileyo ongazanga uqhube kakuhle kuyo eFrance. Amatikiti okungena emidlalweni yomibini sele ethengiswa kwiivenkile ezithengisa amatikitiki.