Umqeqeshi weBanyana Banyana wethutyala, uDesiree Ellis, ubhengeze amagama wabadlali abazakuthi badlale umdlalo wobuhlobo ophakathi koMzantsi Afrika nelizwe laseYiphutha ngomhla wamashumi amabini anesibini kule nyanga.
Le ntokazi yakwa-Ellis ingene [okwethutyana] endaweni kaVera Pauw obeke phantsi njengomqeqeshi weBanyana Banyana emva kwemidlalo yee-Olimpiki ebisingethwe yidolophu iRio de Janeiro, eBrazil, kutshanje.
UDesiree Ellis, owayedlalela eli qela lesizwe kwiminyaka engaphambili, uncediswa nguMaude Khumalo noSheryl Botes. Lo mdlalo kulungiselelwa ngawo itumente ebizwa ngokuba yiWomen Afrika Cup of Nations Championships ezakube iseCameroon ngomhla weshumi elinesithoba kwinyanga ezayo.
Kule tumente izayo, iBanyana Banyana, kulindeleke iqubisane namazwe amakhulu ebholeni ekhatywayo afana neCameroon,
Kwelinye icala iNigeria, iMali, iGhana neKenya zizakukhuphisana kuGroup B.
“Ndiyalivuyela eli thuba ndilinikiweyo,” utshilo u-Ellis kwingxelo ekhutshwe yiSafa emva kokutyunjwa kwakhe.
Ephawula ngabadlali abakhwebele kwiqela lakhe okokuqala uthe: “Sichonge iqela labadlali esicinga ukuba lihle kakhulu. Ndinethemba lokuba sakuthatha apho besiyeke khona kwimidlalo ye-Olimpiki.”
Banyana Banyana
Oonozinti:
Andile Dlamini (Mamelodi Sundowns FC), Yolula Tsawe (JVW FC), Mapaseka Mpuru (HPC).
Abadlali basemva:
Letago Madiba (TUT), Nothando Vilakazi (Palace Super Falcons FC), Janine Van Wyk (JVW FC), Noko Matlou (Maindis FC), Astria Boks (
Abadlali-siswini:
Mamello Makhabane (JVW FC), Amogelang Motau (UWC), Silindile Ngubane (Durban Ladies FC), Refiloe Jane (Mamelodi Sundowns), Nompumelelo Nyandeni (JVW FC), Bongiwe Thusi (Mamelodi Sundowns), Linda Motlhalo (JVW FC), Lebogang Rakhuduwe (TUT), Thembi Kgatlana (UWC).
Iifolosi:
Rhoda Mulaudzi (Mamelodi Sundowns FC), Shiwe Nogwanya (
URulani Mokwena ulindele umdlalo onzima eTunisia