Udinga ukuxhaswa ngemali umdlalo wentenetya

Umqeqeshi wentenetya waseMonti, uThabo Gwengana, ukhala ngokunqongophala kwenkxaso yezimali kubadlali abakhasayo.

Le ndedeba ithi iqinisekile ukuba iphondo leMpuma Koloni linabo abadlali abanokuthatha intenetya bayise kwizinga eliphezulu.

“Kudala ndingumqeqeshi wentenetya; baninzi abadlali abanesakhono kweli phondo. Ndisitsho nje ndiqeqeshe kakhulu eMdantsane. Abadlali bebesokola nempahla yokunxiba,” utshilo uGwengana.

Uthi nangona eli phondo lihamba emva ngenxa yokunqongophala kwenkxaso yezimali kubadlali abasakhasayo, kodwa ikhona imbinana edlale yade yafikelela kwinqanaba eliphezulu.

“Sinabo abadlali esibavelisileyo bade bayokumela iphondo endibenesandla ekuphuhlisweni kwezakhono zabo. UKwanda Mbalekwa watyunjelwa kwiqela loMzantsi Afrika ebeliseNgilane kunyaka ophelileyo. Kanti yena uQhawe Mbentsu walapha eBuffalo City uza kuba yinxalenye yeqela lentenetya lephondo eliza kulwela ukuzibekela indawo kwimidlalo eza kube iseBloemfontein kwekaTshazimpuzi.

“Omnye umdlali obalaseleyo oveliswe sithi nguKholo Montsi – omele uMzantsi Afrika kwiAustalian Open yabadlali abangaphantsi kweminyaka elishumi elinesithandathu,” utshilo uGwengana.

Ezinye iindaba zentenetya: uNovac Djokovic waseSerbia wenze imbali ngokuba ngumdlali wokuqala ophumelele iAustralian Open amatyeli asixhenxe.

UDjokovic, 31, ubethe uRafael Nadal waseSpain ngo’6-3,6-2,6-3. Impumelelo kaDjokovic yandise inani leentshinga zakhe zeGrand Slam lazibeka kwishumi elinesihlanu, ngelixa zisame kwishumi elinesixhenxe ezikaNadal.

Kumanenekazi uNaomi Osaka waseJapan uphumelele emagqabini emva kokuquthisa uPetra Kvitova waseCzech Republic ngo’7-6,5-7,6-4. Ezi ntshatsheli zihleli kwindawo yokuqala kumanqwanqwa weATP.