Akusekho kwanto ngoku iKaizer Chiefs enokuyenza emayelana nendebe kule sizini emva kokuba ingaphumelelanga ngempelaveki.
Amakhosi adlale ntanganye ngo’0-0 neqela laseKapa, i-Ajax Cape Town, kumdlalo we-Absa Premier Soccer League obubanjelwe eFNB Stadium.
Lo ibingumdlalo wesibhozo iChiefs iwudlala ngaphandle kokufumana impumelelo. IBlack Aces ithathe indawo yesine njengokuba eli qela laseNaturena lingakwazanga ukufumana iziphumo ezihle.
Nakulo mdlalo wangoMgqibelo, iChiefs, idlale kakuhle futhi ibinentlaninge yamathuba, kodwa umnqa kukuba ayikwazanga ukusebenzisa nelinye kuwo.
Nayo i-Ajax ibinawo amathuba kodwa akafiki kwaweChiefs. Iziphumo zalo mdlalo zinyanzela iqela likaSteve Komphela ukuba lidlalele indawo yesithathu kuba kule midlalo mihlanu iseleyo ingenokwazi ukufumana iMamelodi Sundowns neBidvest Wits ekwindawo yesibini.
Umqeqeshi weChiefs akasayazi ngoku eyona nto makayithethe ngoba inye into elingakwaziyo ukuyenza iqela lakhe.
“Ukuba ungamamela into endayithetha kwilixa langaphambili iyafana nale ndizakuyithetha namhlanje. Ndiphelelwe ngamagama ngoku. Amathuba besinawo, asiwasebenzisanga onke. Iyandidina ngoku into yokuthetha into enye. Idlale kakuhle i-Ajax kodwa besinalo ithuba lokufaka igowuli,” utshilo uKomphela.
Iziphumo zemidlalo yePSL:
Bidvest Wits 0-0 Free State Stars
Sundowns 2-0 Cosmos Golden Arrows 1-4 Pirates Polokwane City 1-0 Chippa United
Maritzburg United 0-2 Black Aces
iMamelodi Sundowns inyathele iMpheni Defenders emdlalweni weNedbank Cup