UDiovanni Solinas uchaza into echane iqela lakhe kumdlalo wayizolo

Kaizer Chiefs bench during the Absa Premiership 2018/19 game between Baroka FC and Kaizer Chiefs at Peter Mokaba Stadium in Polokwane the on 14 August 2018 © Kabelo Leputu/BackpagePix

Mithathu imidlalo
ye-Absa Premier Soccer League edlalwe yiKaizer Chiefs kule sizini – kodwa akukabikho
nomnye ewuphumeleleyo. Izolo Amakhosi adlale ntanganye ngengowuli elinye macala
(1-1) neBaroka FC kumdlalo wePSL obumhle ePeter Mokaba Stadium. Iziphumo
zomdlalo aziginywanga ncam ngabalandeli beChiefs abalele bembombozela.
Umqeqeshi uGiovanni Solinas uxelele iSuperSport TV okokuba iqela lakhe lidlale
umdlalo omhle, into eliqhokrileyo kukudinwa qha. USolinas ukuthethe oku emva
kokuba iqela lakhe lidlale imidlalo emithathu kwisithuba seentsuku ezimbini
nezintathu emva komdlalo ngamnye kuleyo bayidlalileyo.

“Ngokolwam
uluvo, iKaizer Chiefs idlale umdlalo omhle. Ewe, ekugqibeleni komdlalo
kubekhona ukudinwa. Abadlali beBaroka baze emdlalweni bedlamkile ngoba khange
badlale kwimpelaveki egqithileyo. Abadlali bam bebenayo indawo yokudinwa ngoba
sidlala qho emva kweentsuku ezimbini. Asinalo ixesha lokuphumla ngoba sisoloko
sisendleleni – kodwa iyandonwabisa indlela abadlale ngayo abadlali bam,”
utshilo uSolinas emva komdlalo izolo.

Amakhosi
alandele ngasemva emva kwegowuli elingene kwangoko kwisigaba sokuqala emva
kwempazamo eyenziwe ngabadlali basemva no-Itumeleng Khune. Kodwa iChiefs iye
kwixesha lokuphumla inalo elayo igowuli elifakwe nguSiphiwe Tshabalala.
USolinas uthethile nabadlali bakhe noxa bengakwazanga ukugqobhoza kwiBaroka
ebizimisele kakhulu nayo. “Ndithe kubo mabadlali ngokuzithemba futhi
babenesibindi. Ndikhuthazo ukungadyuduzi noxa ndithe umdlalo wabo ukhawuleze.
Kuye kwafuneka sifake abadlali ngoba uGustavo Paez ebengekho kwisimo
esiwulungeleyo umdlalo – kanti yena uLeonardo Castro ucele ukukhutshwa ngenxa
yokudinwa,” utshilo uSolinas.

Amakhosi
azakuthi khebevu iintsuku ezimbini kwakhona phambi kokuthathana neMaritzburg
United kumdlalo wePSL ozakube useHarry Gwala Stadium ebusuku ngoLwesihlanu.