Iqela laseFree State, iRoses United kunye nelaseKapa iGlendene United, ziyiqale kakuhle imidlalo yokuzibekela indawo kwaNFD ngoMvulo, emva kokuba ziwafumene omathathu amanqaku kwimidlalo yokuvula.
IRoses United izityhwatyushele iMilford yaKwaZulu Natal ngamagowuli amabini kwelinye kumdlalo obuseGaleshewe.
Kulo mdlalo kuqale kophisa i-United emva kwegowuli elifakwe nguMbongeni Ngcobo kwimizuzu elishumi elinesine, kude kwayiwa kwikhefu eli qela likaDuncan Lechesa line qanda.
Kwisiqingatha sesibini iqela likaLechesa, libuye kucaca ukuba linamaqhiinga amatsha nto leyo ilisebenzeleyo kuba emva kwemizuzu elishumi kwisiqingatha sesibini lifumane igowuli lokuqala nelifakwe nguVusi Sikhwele.
Kuthe xa kusele imizuzu emine ukuba umdlalo uphele yabe i-United iyihlasela ngamandla iMilford FC apho uSikhwele ezibhaqele igowuli lesibini lempumelelo kulo mdlalo.
Ukanti kwelinye icala igowuli elinye elifakwe nguGavin Hammers kwisiqangatha sokuqala kwimizuzu engamashumi mabini anesihlanu, lelona linike impumelelo iGlendene United yaseKapa ibetha i-African All Stars yaseRhawutini kumdlalo wesibini kusuku lokuqala lwale midlalo yamaqela adlala kwi-ABC Motsepe League, akhangela indawo kwaNFD. Kwimidlalo yayizolo (usuku lwesibini) i-African All Stars ebibethwe yiGlendene United ngoMvulo ngegowuli elinye eqandeni, izibethele iRoses united ngegowuli elinye eqandeni nayo.
Namhlanje kulindeleke ukuba kuqale imidlalo kaGroup B, nalapho iKurumane Kicks/Hungry Lions iza kunyathelana neNorth West Shinning Stars ngentsimbi yethoba kwibala iDee Beers, emva kwalowo umdlalo kulandele oweMagesi FC kwakunye noMthatha Bucks ngentsimbi yeshumi elinanye kwakweli bala linye.
Ukanti nayo imidlalo kaGroup A iza kuqhuba kwakhona nalapho kuza kudlala i-African All Stars FC neMilford FC, kuze kulandele iMbombela United neRoses United kwakweli bala linye liza kube lidlala la maqela kaGroup B.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party