UDlamini uthe xha ngokudlalela iBanyana Banyana

UAmanda Dlamini weBanyana Banyana umfanekiso: Sydney Mahlangu/ BackpagePix

Emva kweminyaka emininzi edlala, * -Amanda Dlamini, ugqibe kwelokuba athi xha ngokudlalela iBanyana Banyana.

Esi sigqibo sothusayo sibhengezwe yile ntokazi edume ngokudlala ibhola ekhatywayo ekuqaleni kwale veki.

Iingxelo zithi uDlamini ulinikele umva iqela lesizwe kuba engabizelwanga kwiBanyana Banyana isithuba esingaphaya konyaka.

Umqeqeshi obambeleyo, uDesiree Ellis, uchonge uDlamini njengomnye wabadlali afuna babeyinxalenye yabadlali abangamashumi amabini anesithandathu abazakuhlangana enkampini ngelilungiselela umdlalo wobuhlobo nelizwe laseSweden kwiveki ezayo – kodwa ngelishwa le ntokazi ikhethe ukungasamkeli isimemo sokudlalela isizwe.

Lo mdlali waseHarding, kwiphondo laKwaZulu-Natala ngokokuzalwa, waqala ukuba yinxalenye yeqela lesizwe ngo-2007 ngethuba edlalela iqela lebhola ekhatywayo elaziwa ngokuba yiDurban Ladies.

Ukusukela ngoko zange aphinde ajonge ngasemva kwaye uzenzele igama ebholeni wade wadlala nakwimidlalo yamazwe-ngamazwe ye-Olimpiki ngo-2016 ebisingathwe sisixeko saseRio, eBrazil.

Ngelishwa lakhe uDlamini, khange abe yinxalenye yeBanyana Banyana ephumelele iCosafa Cup kunyaka ophelileyo phantsi kukaDesiree Ellis.

“Ndinqwenela ukubulela iSafa nabo bonke abaqeqeshi abandincedileyo ngethuba ndidlalela iqela lesizwe. Ngokubizelwa kwiqela lesizwe, ubom bam batshintsha kakhulu nditsho nangaphandle kwasebaleni. Ndafumana ithuba lokufunda izinto kwade kwavuleka namanye amathuba. Andisakunqweneli ukubizwa kwakhona ngoba ndifuna ukugxila kwezinye izinto,” utshilo uDlamini.

Emva kokudlala okokuqala emdlalweni we-Olimpiki owawuphakathi kweBanyana neNigeria ngo-2007, uDlamini wazenzela imbali ngokuthi abengomnye wabadlali abambalwa kweli lizwe abadlale imidlalo elikhulu kwiBanyana Banyana.

Kanti ebekwanguye noKapteni weqela lesizwe – kodwa ngoku uzakudlalela iqela lakhe iJVW elidlala kwiGauteng Sasol League. Ngaphandle koko, uDlamini uzakuthi chu nomsebenzi wakhe wokuhlalutya ibhola ekhatywayo kwiSuperSport TV.

“Bendikunqwenela ukuphumelela i-African Women Championship nokudlala kwindebe yehlabathi – kodwa ezo zinto zifana nje nephupha ngoku,” uvale ngalo mazwi uDlamini.