UDolly noLaffor bangahamba – Motsepe

Umongameli weMamelodi Sundowns uPatrice Motsepe

Umongameli weMamelodi Sundowns, uPatrice Motsepe, uthi iqela lakhe lizakubakhulula abadlali abafuna ukuhamba.

Esi sigwili sakwaMotsepe sikhwebe iinkomfa yoonondaba ngenxa yentsindabadala ephakathi kweSundowns noKeagan Dolly – ofunwa ngamaqela aphesheya.

“Ukuba amaqela amfunayo eza ngaphambili, singamkhulula ngoku. Kubalulekile kuthi ukwenza izinto ngendlela efanelekileyo. Xa umdlali efumana ithuba lokuya phesheya, ndiyafuna uKeagan aye ngoba asifuna mdlali onentliziyo engekho kwiDowns. Noxa ndifuna ukumkhulula – kodwa kufuneka ndiyihloniphe ibhodi yeSundowns. Into abangayiqondiyo abantu kukuba kukho isibophelelo semali ekufanele siyifumane xa ethengwa uKeagan,” utshilo uMotsepe.

UMotsepe uthe * -Anthony Laffor angaya kwiKaizer Chiefs ukuba ubona ithuba lokwenza imali kuyo. Kodwa nangona kunjalo, akubonakali ngathi angakhululwa kule nyanga.

Isivumelwano sakhe neSundowns siphelelwa kwinyanga yeSilimela.