Ukeagan Dolly weMamelodi Sundowns uncede kakhulu iqela lesizwe i-Under 23 eqeqeshwa ngu-Owen Da Gama, kwimpumelelo yayo ka’3-0 ngokuthi afake amagowuli amabini bedlala neZimbabwe ngempela veki kumdlalo wokuzibekela indawo kwimidlalo ye-Olimpiki ezakusingathwa yiBrazil kunyaka ozayo.
Eli qela lidlulela kumjikelo olandelayo, kwitumente yamazwe asibhozo ezakusingathwa yiSenegal phambi kokuphela konyaka- apho amazwe amathathu aphume phambili azakuthi amele ilizwekazi le-Afrika. UDolly, nguye ofake igowuli loMzantsi Afrika kwangoko emdlalweni, elesibini lafakwa ngumdlali odlala esiswini uGift Motupa – kwatshintshwa amacala amakhwenkwe ka-Da Gama enkqenkqeza phambili. Abadlali beZimbabwe bazamile ukufumana amagowuli wokulinganisa-kodwa ngaphandle kwempumelelo kuba ekuzeni kuphela komdlalo uDolly ufake elinye elokuvala leqela leli. UDa Gama, uthe uyazingca ngomsebenzi owenziwe ngabadlali bakhe. “Asiqalanga kakuhle, kodwa kuthe kwisiqingatha sesibini kwakhona sidlala umdlalo ophucukileyo. Sonwabile kodwa kusekuninzi kakhulu esizakwenza xa silungiselela ukuya eSenegal,” utshilo uDa Gama ngethuba ethetha nabendaba emva komdlalo.
iEFF imenywe kwimibhiyozo yeMK Party