UDomingo angaphulukana nomsebenzi kwiProteas

Umbutho olawula iqakamba kweli loMzantsi Afrika iCricket South Afrika uzakuhlola amaqela esizwe ezemidlalo kunge kudala, kwaye ikamva lomqeqeshi weProteas uRussell Domingo lingase ngxakini kakhulu xa kusenzeka oluhlolo.

IProteas khange iqhube kakuhle phantse yonke isizini yonyaka ophelileyo. Eli qela lisuka kwindawo yokuqala layakutsho kweyesithandathu kumanqwanqwa e-ICC oko iqalile isizini ka2015/2016.

IProteas idlale ntanganye kuluhlu lemidlalo phakathi kwayo neBangladesh. Emva koko yabethwa yi-India kwimidlalo elande lelanayo.

UMzantsi Afrika ubuqala ukubethwa kwimidlalo yokhenketho emva kweminyaka elishumi. Abadlali beProteas abadlala kwimidlalo yovavanyo, nawo ebejongene nomceli mngeni kakhulu, emva kokuba uHashim Amla waye warhoxa nje ngekapteni.

Indawo yakhe iye yathwathwa ngu-AB De Villiers. UDomingo yena akakayazi ukuba lime ndawoni ikamva lakhe nangona kusashiyeke unyaka kwisivumelwano sakhe sengqesho neProteas.

Kutsha nje i-CSA iqeshe igqiza labantu abane abaquka owayekade edlala kwiSpringboks uFrancois Pienaar ukuba lihlole onke amaqela esizwe ingakumbi kwiqakamba.

Lo msebenzi uzakube ewenza encedisana nowayesakuba ngumdlali oqhokrayo kwiProteas, * -Adam Bacher. IProteas ayikadlali mdlalo wovavanyo ukusukela ngoJanuary, kwaye abadlali abadlala kwimidlalo yovavanyo nabo bangajongana notshintsho.

Kulindeleke ukuba iNew Zealand indwendwele iProteas kuluhlu lemidlalo kwezinyanga zizayo.

Akukacaci nokuba uDomingo uzakuba esengumqeqeshi na ngeloxesha, kwaye into yakhe ixhomekeke kwisigqibo esizakwenziwa emva kolu hlolo.