UDomingo umakhele umkhanyo uKG

Umqeqeshi weeProteas, uRussell Domingo, uliphindile elithi umthwalo osemagxeni kaKagiso “KG” Rabada uza kuwusela iliso ukuze aqinisekise ukuba lo mdlali akaphelelwa ngamandla njengokuba isizini ibinde.

Lo mqeqeshi uthethe oku kwinkomfa yoonondaba phambi kokunduluka kweqela lakhe kwisikhululo seenqwelo-moya i-O.R.Tambo. IiProteas sizeCaribbean apho kulindeleke zidlale imidlalo eliqela neWest Indies kunye ne-Australia.

Yonke le midlalo kulindeleke ukuba iqale ngomhla wesithathu kwinyanga ezayo ukuya ngomhla wamashumi amabini anesine. Kanti kwiinyanga ezintathu ezizayo uMzantsi Afrika uza kujijisana neNew Zealand kwimidlalo yovavanyo emibini eThekwini phambi kokudlala ne-Ireland kumdlalo we-ODI eBenoni. Kwinyanga yeNkanga iiProteas zidlala ne-Australia, emva koko zidlale neSri Lanka imidlalo yovavanyo emithathu, eyeT20 nemihlanu yee-ODI ekuqaleni konyaka nasekuqaleni konyaka ozayo. “Siyakurhalela ukumdlalisa uKG kuyo yonke lo midlalo – kodwa kufuneka silumke. Ukuba simdlalisa kuyo yonke, amandla akhe angaphela esithubeni,” utshilo uDomingo kumajelo eendaba.

URabada ngomnye wabadlali abajula ngesantya esiphezulu njengokuba engekho uDale Stayn noVernon Philander ngenxa yokwenzakala.