
Ziwuqale ngesantya esiphezulu, zihlasela kumdlalo wokuvula iSuper Rugby, iiSharks, kodwa iifolosi zeLions ziqinisekise ukuba imizuzu yokuqala emihlanu iphela esakonye amaqanda amaqela. Ulale emgceni kumzuzu wesixhenxe, uRobet du Preez, waphinda wayikhaba wayifaka kwangokwakhe ibhola eqinisekisa ukuba akhokela phambili ngesixhenxe eqandeni amakhwenkwe aseThekwini. Ibeligqala uLionel Mapoe lilele emgceni kumzuzu weshumi elinesixhenxe libuyise isidima seLions, umdlali weBoks, u-Elton Jantjies, wenze adume ngazo ngethuba eqbelisa ibhola. Iphinde yaziLions eziphinde zafumana amanye amanqaku amahlanu ngephiko lazo, u-Aphiwe Dyanti, kwakhona uJantjies wayifaka phakathi lobhola, eqinisekisa ukuba liya ekhefini linkqenkqeza phambili ngamanqaku alishumi elinesine kwasixhenxe likaSwys de Bruin.
Ivakele intetho yomqeqeshi weSharks ebadlalini ngoba uSbu Nkosi ulele emgceni kumzuzu wesibini siqalile sesibini isiqingatha, woyiswa kukuqabelisa ibhola uRobert du Preez. Udlale ngethuba lokuvula umsantsa kumzuzu wamashumi amahlanu omdlalo uDu Preez emva kokuphosa ipenela phambi kwepali emva kwemizuzu emibini wamhlawulisa uLionel Mapoe elala emgceni okwesibini. UMakazole Mapimpi wenze imbali kumzuzu wamashumi amahlanu anesihlanu somdlalo ngokuba ngumdlali wokuqala olele emgceni kumdlalo wakhe wokuqala kumaqela amathathu awadlaleleyo (Southern Kings, Cheetahs neSharks), ewasa ku’19-21 amanqaku omdlalo ngukuncediswa linqina likaRobet Du Preez. Isihlanu samanqaku esize nefolosi yeBlitzboks, uKwagg Smith, kumzuzu wamashumi amahlanu anethoba, siqinisekise ukuba ziphumelela ngo’26-19 iiLions. Zizamile ukuhlasela iiSharks ngemizuzu elishumi yokugqibela yomdlalo, kodwa lalile ukugoba iphondo udonga lokugqibela lweLions.
Ubuyile uloliwe phakathi kweKapa neRhawutini