Umdlali weKaizer Chiefs omtsha, uRushwin Dortley, uthi uyakwazi okulundelekileyo kuye futhi uzimisele ukudlala ngamandla wakhe onke xa kuqala isizini. Le ndedeba yaseKapa izityande igila kutshanje emva kokushiya iCape Town Spurs ebiyidlalela kwisizini egqithileyo.
Ngelishwa, iSpurs ithotyiselwe kwinqanaba elingezantsi emva kokungaqhubi kwayo kakuhle. UDortley, obeyinxalenye yaBafana Bafana kwiCosafa Cup ekuqaleni kwenyanga yeKhala, waziswe njengomdlali weChiefs ngokusesikweni kwiveki ephelileyo eBloemfontein.
Okubi kukuba ufike ngexesha elibi iChiefs inethuba elide kakhulu itsala nzima. Izinto ziye zambi ngakumbi xa ivala isizini ka2023/24 ikwindawo yeshumi – into engazange yayehlela phantsi kwePremier Soccer League. Kodwa okuhle kukuba, uya kuhlala ezincwadini zembali nasezintliziyweni zabalandeli ukuba bakwazile ukubuyisela iChiefs kwinto eyayisaziwa ngayo kudala.
UDortley, 22, ngumdlali osenekamva eliqaqambileyo ebholeni ekhatywayo futhi udlala ngokuzimisela. Indawo yakhe ikhona ngoba umqeqeshi usazama ukwakha iqela elitsha. “IChiefs lelinye lamaqela amakhulu kweli lizwe. Kunzima ukuyidlalela ngoba kusoloko kukho uxinizelelo olusuka kubalandeli. Ngeke ndiyikhalele lo nto ngoba yinto yasebholeni. Ekugqibeleni, uxinizelelo luza kundinceda ndiphucule indlela endidlala ngayo.
“Ndilindele umsebenzi onzima – kodwa ndicinga ukuba ndiza kumelana nomsebenzi endijongene nawo,” utshilo uDortley encokola neDiski Times. Emva kokuba iChiefs ihlazwe ngo’4-0 yiYoung Africans emdlalweni weToyota Cup, umqeqeshi okhangela abadlali abanozisa uzinzo.
“Ndifuna ukubaxelela abalandeli ukuba ndiza kwenza ngako konke okusemandleni wam ukuze iChiefs ingaphinde ibethwe ngendlela ebethwe ngayo yiYanga ngeCawe ephelileyo. Kufuneka ndivale amazibuko futhi ndincedise naxa iqela lisiya phambili,” utshilo uDortley ofike noFiacre Ntwari obekade edlalela iTS Galaxy.
UKaizer Motuang Jr uthe abadlali abatsha baza kuyinceda iChiefs kwisizini entsha yeBetway Premiership. Kulindeleke uNasreddine Nabi ongeze abanye abadlali njengokuba iChiefs iza kugqibezela amalungiselelo wesizini ezayo eBotswana.
USamsung ukhuphe ekhasini oomanqanqa beefowuni eziphathwayo