UDrogba umqhwabele izandla uMomsimane emva kweClub World Cup

Owafudula eyifolosi yeChelsea ne-Ivory Coast, uDidier Drogba, uwuncomile umsebenzi owenziwe nguPitso “Jingles” Mosimane neqela lakhe, iAl Ahly, kwitumente yamaqela ehlabathi, eFIFA Club World Cup esongwe kwiveki ephelileyo. UJingles ubhale iincwadi zembali yebhola ekhatywayo ngokubuya nembasa yeBronze ityeli lesibini elandelelana. Oku kwenzeke emva kokuba iAl Ahly ibethele oogqirha nezicaka iAl Hilal ngemvula yamagowuli amane eqandeni emdlalweni ebekulwelwa kuwo indawo yesithathu. Ngoku uPitso ngumqeqeshi wokuqala kwizwekazi le-Afrika ofumene iimbasa zeBronze kabini kwiFIFA Club World Cup.

Waqala ukuqeqesha kwiClub World Cup esengumqeqeshi weMamelodi Sundowns eminyakeni embalwa egqithileyo phambi kokusa iAl Ahly kabini kuyo emva kokuthatha indebe yeCAF Champions League izihlandlo ezibini iminyaka ilandelelana. UDrogba umchaze uMosimane njengomqeqeshi osezingeni eliphezulu kwizwekazi le-Afrika. “Ndingatsho ndithi siyaqala ukuba neqela elisuka e-Afrika nge-Al Ahly endingathi liyifanele indawo yesithathu eliyifumeneyo. Lidlale kakuhle kakhulu kwaye liqeqeshwa ngumqeqeshi osemgangathweni ophezulu. Sele ephumelele inqwaba yeendebe. Ukwenza umsebenzi onjalo elizweni elingelolakho asinto elula kwaphela. Uyenzile yena lo nto (uMosimane) kwaye singatsho sithi ngomnye wabaqeqeshi abaphambili e-Afrika,” utshilo uDrogba kumajelo eendaba.

Indebe yeFIFA Club World Cup ihambe neChelsea emva kokuba ibethe iPalmeiras ngamagowuli amabini kwelinye. Kulindeleke iAl Ahly ibophelele uJingles kwesinye isivumelwano sengqesho ekuthiwa uza kwamkela imali engaphaya kwezigidi ezibini zerandi ngenyanga emva kweClub World Cup. Emva kwetumente uMosimane uthe: “Imbasa yalo unyaka ibhetele kuneyonyaka ophelileyo ngoba size eAbu Dhabi sinabadlali abaninzi abonzakeleyo. Siza kuphindela kwiCAF Champions League ngoba sifuna ukubuya kwakhona kunyaka ozayo.”