Ukapteni weqela lesizwe leqakamba loMzantsi Afrika, uFaf Du Plesis, uthi wonelisekile ngumsebenzi omhle owenziwe liqela lakhe kwimidlalo emibini.
UMzantsi Afrika ubethe i-Australia ngemitsi elikhulu amashumi amane anesibini kumdlalo wesibini we-ODI eWanderers Stadium ngeCawe edlulileyo.
Eyona nto iphambili ayithandileyo ukapteni yindlela oogxa bakhe abayijule ngayo ibhola yeqakamba.
“Akukho nanye into endikhala ngayo. Umdlalo ubumhle kakhulu. Bonke abadlali badlale kakuhle kwaye noJP Duminy ungene wenza kakuhle. Kum i-Australia lelona qela lomeneleleyo esidlale nalo,” utshilo uDu Plesis.
-Pedro Mapelo
Amakhosi ayophisa emva kokubethwa yiRoyal AM emdlalweni wokuvula isizini!