UDu Preez uthi uphethwe kakuhle kwiStellenbosch!

Ashley du Preez ngumdlali weStellenbosch FC. Umfanekiso: Shaun Roy/BackpagePix

Ifolosi yeStellenbosch, uAshley du Preez, iza kufunwa ngapha nangapha ngamaqela amakhulu adlala kwiDStv Premiership. Kodwa kwakufuneka azimisele ukuba ayamfuna nyhani ngoba akazimiselanga kulishiya iqela laseNtshona Koloni. UDu Preez, 24, uzenzele igama ngokufaka amagowuli emidlalweni yeDStv Premiership ancede iStellenbosch eza kuvala isizini isendaweni ehloniphekileyo. Kutshanje uDu Preez ebe ngundabamlonyeni emva kokufaka amagowuli amabini awise iMamelodi Sundowns eziintshatsheli zeDStv Premiership. Kanti phambi koko washiya amaqela afana neChiefs nePirates eziingxwelerha emidlalweni egqithileyo. Ukudlala kwakhe kakuhle uDu Preez kunokwenzeka kunyuse umdla wamaqela amakhulu kuye.

Nangona esazi ukuba into enjalo ingenzeka – kodwa yena uthi ingqondo yakhe nentliziyo yakhe ikwiStellenbosch. Ukuthethe oku ekuqaleni kweveki kwincoko ebiphakathi kwakhe ne-IOL Sport. “Ndonwabile kule ndawo endikuyo. Ingqondo yam ndiyimilisele kwiStellenbosch. Ndifuna ukwenza indima ebonakalayo apha kuyo,” utshilo uDu Preez. Iingcambu zikaDu Preez zondele kwiStellies ngoba siso esimfundise ibhola ekhatywayo samnika nethuba lokuyidlala kwinqanaba eliphezulu. Uthethe kamnandi ke ngoSteve Barker, umqeqeshi wakhe, odume ngokuvelisa abadlali abaqaqambileyo ebholeni yaseMzantsi Afrika.

“Umqeqeshi wethu ungumntu olunge kakhulu. Usebaleni, ungekho sebaleni kuyafana. Intsebenziswano phakathi kwam naye intle kakhulu. Ukungatshintshwa kwabaqeqeshi kwenze sangabantu abanobuhlobo obuqinileyo phakathi kwethu. Kwakunzima ekuqaleni kwesizini – kodwa ke sikwazile ukuyivala kakuhle. Iziphumo ezihle kuqala ngokuzixelela wena into oyifunayo,” utshilo uDu Preez ethetha ngomqeqeshi wakhe oqhube kakuhle kakhulu kule sizini. Amaqela aseNtshona Koloni, iStellenbosch neCape Town City aza kuvala isizini ngomdlalo weDStv Premiership oza kube useDanie Craven Stadium emalanga ngoMgqibelo.