UDuminy ulindele lukhulu kumdlalo wosuku olunye

Umdlali webala lonke kwiProteas, * -JP Duminy, uthi isiqalo esihle kumdlalo wokuqala wosuku olunye sibalulekile. IProteas izakuphinda ithabathise apho ibiyeke khona neNgilane, xa zidibana kumdlalo wosuku olunye eBloemfontein namhlanje.

Iqela likaRusell Domingo, oko belilungiselela olu luhlu lwemidlalo liza kuyidlala, kwaye bazixelele ukuba abafuni ukulandela emva kweNgilane xa kufika usuku lomdlalo.

“Nakoluphi na uluhlu lwemidlalo nakwezinye iintlobo zeqakamba, indlela esiqala ngayo njengeqela ibaluleke kakhulu,” utshilo uDuminy. “Ibalulekile into yokuba sizilungiselele kakuhle.

Uninzi lwethu besidlalile kumaqela alapha ekhaya kwiveki ephelileyo, kwaye loonto isincedile ukuba sifumana ukuzithemba kwakhona phambi komdlalo wokuqala namhlanje.”

UDuminy nothe wafumana iwonga lokuba ngoyena mdlali ubalaseleyo kumdlalo weCape Cobras we-Momentum wosuku olunye, unethemba lokuba uzakuqhuba kakuhle kule midlalo yeProteas.

Ingakumbi emva kwendlela abadlale kakubi ngayo kwimidlalo yovavanyo ekusukwa kuyo.

Enye indawo anomdla wokuzibonakalisa kuyo uDuminy, yindlela yakhe yokugibisela.

“Yinto entle kakhulu ukuza kwimidlalo elolu hlobo uzilungiselele ngeyona ndlela,” utshilo. “Linqanaba elahlukileyo leqakamba, kwaye siyayazi ukuba izakuba nzima lemidlalo siya kuyo.”