UDuminy yikapteni entsha yeProteas kwimidlalo yeT20.

JP Duminy of South Africa is stumped by Tom Latham off the bowling of Mitchell Santner of the Black Caps during the 2nd ANZ One Day International Cricket match, New Zealand V South Africa, Hagley Oval, Christchurch, New Zealand, 22nd Febuary 2017.Copyright photo: John Davidson / www.photosport.nz
Umdlali weProteas, uJP Duminy, unoloyiko lokuba iBangladesh izakudlalela ukuzibulala xa iqubisana neProteas kumdlalo weT20 ngokuhlwa kwanamhlanje eBloemfontein. Abadlali beProteas bazakube bejonge ukuthatha apho bebeyeke khona eMonti – apho bavuthulule iBangladesh.
“IBangladesh inabo ubunzima xa kufikelwelwa kwiT20 kwaye silindele ukhuphiswano olumandla kule midlalo mibini. Umqweno wethu kukuba kwakhona siphumelele ngemidlalo emibini eqandeni,” utshilo uDuminy.
Imidlalo yeT20 yeyona mifutshane kwiqakamba, kungenzeka ukuba iBangladesh ifune ukubuyisa isidima sayo. UDuminy ulumnkele ukuba iBangladesh ingeza ifune ukuba phoxa. “Xa umdlalo umfutshane, amaqela adlala ngokusondelelana kakhulu, kwaye inganobungozi iBangladesh kuba ngoku ayisenanto ijonge ukuyiphumelela,” utshilo.

Ikapteni yeBangladesh, uHakib Al Hasan, unoxanduva lokukhusela isidima selizwe lakhe. Uzakuba ngukapteni wesithathu weBangladesh ukuza eMzantsi Afrika abuye nelize, namhlanje unethuba lokuphelisa indlala yabo. IProteas izakudlla nzima yona kuba uzakube engekho ukapteni uFaf du Plessis noqhubekakhuhle kakhulu kwimidlalo edlulileyo. Uye wafumana umenzakalo emqolo kumdlalo ubudlalelw, eMonti, ngeCawa. Kwaye akazokudlala iiveki ezintandathu.

UDuminy nguye ozakuba libambela kapteni kulo mdlalo. IProteas izakudlala ngaphandle kwabadlali abagibiselayo, u-Imran Tahir noKagiso Rabada kulo mdlalo. Kunyaka ophelileyo iProteas zibethwe yiSri Lanka kumdlalo weT20, nangona zakwazi ukuyibetha kwimidlalo yovavanyo neyosuku olunye. Naba abadlali bamaqela omabini abazakudlala kulo mdlalo wananhlanje.
Proteas: JP Duminy (captain), Hashim Amla, Farhaan Behardien, Quinton de Kock (wkt), AB de Villiers, Robbie Frylinck, Beuran Hendricks, David Miller, Mangaliso Mosehle, Dane Paterson, Aaron Phangiso, Andile Phehlukwayo, Dwaine Pretorius, Tabraiz Shamsi.

Bangladesh: Shakib Al Hasan (captain), Imrul Kayes, Liton Das, Mahmudullah, Mehidy Hasan, Mohammad Saifuddin, Mominul Haque, Mushfiqur Rahim, Nasir Hossain, Rubel Hossain, Sabbir Rahman, Shafiul Islam, Soumya Sarkar, Taskin Ahmed.