UDumisani Zuma ubeke iliso lakhe kwiindebe ezintathu kwisizini entsha!

Dumisani Zuma of Kaizer Chiefs is challenged by Sphiwe Mahlangu of Highlands Park during the Absa Premiership 2019/20 football match between Highlands Park and Kaizer Chiefs at Makhulong Stadium in Tembisa on 4 August 2019 Ryan Wilkisky/BackpagePix

Athelekisiwe
amaqela aza kuthatha inxaxheba kwiMTN 8 yalo nyaka. Enye yezinto ezingaqhelekanga
kwiMTN 8 kukungabikho kweKaizer Chiefs evale isizini yePremiership ka-2018/19
ikwindawo yethoba. Ukudlalwa kweMTN 8 ngaphandle kweChiefs sisikhumbuzo
sokungahambi kakuhle kwezinto eNaturena – kodwa ikwalithuba lokuvuselela
izazela kwabo banikwe uxanduva lokuqinisekisa okokuba iChiefs ibuyela endaweni
yayo kwibhola yaseMzantsi Afrika. Omnye wabadlali ekulindeleke kuthenjelwe kubo
zizigidi zabalandeli beChiefs kule isizini nguDumisani Zuma. Lo mdlali
ebephakathi kwabadlali abenze umahluko ngethuba iChiefs ibetha iHighlands Park ngo’3-2 emdlalweni obuseMakhulong
Stadium kwiveki ephelileyo. Emdlalweni ogqithileyo, uZuma ungene endaweni
kaKearryn Baccus obeqala ukudlalela iChiefs.

“Ndicinga
ukuba isiqingatha sokuqala emdlalweni ogqithileyo besinzima ngoba iqela lethu
liye lahlala emva lakube lifake igowuli endaweni yokuhlasela. Umyalezo
endiwunikwe ngumqeqeshi ubucacile. Uthe umsebenzi wam kukuncedisa iifolosi xa
iqela lihlasela kwaye ndicinga ukuba izinto zenzeka ngolo hlobo. Ukungena
kwegowuli kuthi kwawenza nzima umsebenzi wethu – kodwa sasisazi kakuhle okokuba
kufuneka siwuphumelele umdlalo. Iingqondo zethu zazinza kweyona nto efunekayo
ukuze siphumelele umdlalo,” utshilo uZuma kwiKickOff.

Uvumile
kekambe uZuma okokuba kunzima ukubukela iMTN 8 ngaphandle weChiefs. Nangona
kunjalo, uDumisani Zuma (24), uyibona le sizini njengethuba leChiefs
lokuphumelela iindebe eziphambili ezifana neTelkom Knockout, iNedbank Cup
ne-Absa Premiership. “Mhlawumbi kule sizini kufuneka siphumelele iindebe
ezifana neTelkom, iNedbank nePremiership,” utshilo uZuma. Nangona iChiefs ikwazile
ukuwuphumelela umdlalo wokuqala – kodwa lelona qela eliphantsi koxinizelela
kwiPSL ngenxa yabalandeli abanxanelwe iindebe esekuphele iminyaka emine
zingasafunyanwa liqela labo. Amakhosi aza kuqubisana neBlack Leopards
emdlalweni wePSL ozakube useMoses Mabhida Stadium ngentsimbi yesibhozo ebusuku ngoMgqibelo.