UDumisani Zuma utywilisele iMaritzburg United etsala nzima kwiPSL

Dumisani Zuma (l) of Kaizer Chiefs celebrates goal with Bernard Parker (r) of Kaizer Chiefs during the Absa Premiership 2018/19 match between Kaizer Chiefs and Maritzburg United at FNB Stadium, Johannesburg on 09 March 2019 ©Samuel Shivambu/BackpagePix

Igowuli
elifakwe nguDumisani Zuma lintywilisele iMaritzburg United elahle amathuba amaninzi
emdlalweni wanamhlanje. Amakhosi avale umsantsa kancinci ophakathi kwawo
namaqela aphambili emva kokubetha iTeam of Choice ngegowuli elinye eqandeni
(1-0) emdlalweni we-Absa Premier Soccer League obushushu ngeyona ndlela eFNB
Stadium ngorhatya lwanamhlanje. Umqeqeshi weKaizer Chiefs, uErnst Middendorp,
wothuse abantu abaninzi ngokuqala ngoBruce Bvuma ezipalini endaweni kaDaniel
Akpeyi emdlalweni obalulekileyo. Iqela lika-Eric Tinkler, elizama indlela
yokuphuncuka ezembeni, liwafumene amathuba okuphumelela umdlalo – kodwa abadlali
abakwazanga ukuwasebenzisa kakuhle.

Iifolosi zeTeam
of Choice zimxakekise zisuka uBvuma ezipali – kodwa okuncomekayo kukuba
ukwazile ukumelana neebhola ezinzima ezize kuye. Ngephumelele ngamagowuli
aliqela Amakhosi ukuba uBernard Parker ebekwazile ukuyifaka ibhola ebichithwe
ngunozinti weMaritzburg. Enye ibhola ingqutywe ngentloko nguKhama Billiat ngobuchule
– kodwa iye yakhutshwa seyingena nguNazeer Allie ovale nekaZuma. UMiddendorp ukhuphe
uPhilani Zulu wafaka uWillard Katsande kubonakala okokuba unexhala leMaritzburg
ebizihambela lula esiswini ingaphelanga nemizuzu engamashumi amathathu
kwisiqingatha sokuqala. Ubukho bukaKatsande, obenemidlalo eliqela engadlaliswa,
benze umahluko emdlalweni.

Enye yezinto
abalandeli abanokungomba isifuba ngayo kukudlaliswa kwabadlali abathathu
emdlalweni omnye abaveliswe yiChiefs. UBvuma, uSiphosethu Ntiya-ntiya
noNkosingiphile Ngcobo ngabadlali abanekamva eliqaqambileyo ekulindeleke
bencede iChiefs kwixesha elizayo. UNgcobo ungene endaweni kaBilliat oye
wonzakala emdlalweni. ULeonardo Castro ngoyena mdlali onikele uZuma ofake
ibhola entle kwisigaba sesibini. Ayibethwanga bubuvila iMaritzburg, idlalile
kakhulu – qha ingxaki eyibethileyo kukuyeka amathuba amahle. UTinkler ufake
uJudas Moseamedi noDeolin Mekoa kwisigaba sesibini – kodwa abakwazanga
ukuziguqula izinto. Ukubethwa kweTeam of Choice kuthetha ukuthi iseza kuhlala
ekugqibeleni kwiPSL.

  

Kaizer Chiefs: Bvuma, Mphahlele,
Moleko, Cardoso, Ntiya-Ntiya, Zulu (Katsande), Maluleka, Zuma, Billiat
(Ngcobo), Parker, Castro (Moon).

Amalela: Akpeyi, Booysen, Moon,
Ngezana, Frosler, Ngcobo, Katsande.

Maritzburg United: Ofori, Kunene, Xulu, Allie, Sanoka, Makaringe, Timm, Mokate
(Moseamedi), Ndlovu, Zakri, Shandu (Mekoa).

Amalalela: Mpandle, Figareido, Matsi,
Kutumela, Kateregga, Moseamedi, Mekoa.