UDumitru ukhusela umqeqeshi weBaroka

Umqeqeshi weBaroka FC, uKgoloko Thobejane, ufumene igwiba lokhuseleko kwigqala lomqeqeshi uTed Dumitru emva kokuba ethe wahlaselwa kabukhali ngumanejala wabadlali, uMike Makaab, apha ezintsukwini.

IBaroka FC isecicini lokudlala kumagqibela kankqoyi wokhuphiswano oluxhaswa yiNedbank emva kokuba ihlaze iPolokwane City ngokuyibetha ngo’2-0 kwimpelaveki edlulileyo.

UThobejane uthethe izinto ezingafanelekanga kuthethwa ngomntu okumgangatho akuwo ngokukaMakaab. “Akafanelanga kuzincoma, kufanele anconywe sithi, angazincomi,” utshilo uMakaab kwikhasi lomnatha apha evekini.

Kodwa uDumitru uyiqhwabele izandla le ndedeba yakwaThobejane ngomsebenzi omhle, watsho esithi lo mqeqeshi ufanele akhuthazwe.

“Ngomnye wabaqeqeshi abambalwa apha eMzantsi Afrika abaqeqesha amaqela adlala ibhola enomtsalane kubalandeli bebhola.

Zimbini izinto azigxininisayo emdlalweni wakhe; ukugcinwa kwebhola kuphindwe kuhlaselwe ezona zinto zibalulekileyo kwibhola ngokubanzi,” utshilo uDumitru kwikhasi lomnatha wakhe.

Lo kaDumitru uthi, igama lo mqeqeshi ateketiswa ngalo elithi ‘La Liga’ licacisa gca ukuba le ndoda inengqondo ephangaleleyo kwaye uyazamkela iinguqu ezikhoyo kwibhola yehlabathi.

“UThebejane uyabakhuthaza abadlali bakhe ukuba babaxheshe abadlali abadlala nabo xa kudlalwa. Yinto entle kakhulu futhi engaxhaphakanga kubaqeqeshi abaninzi kule mihla,”utshilo uDumitru.

Njengokuba isizini isiya ekupheleni nje iBaroka FC edlala kwiNational First Division inethuba lokunyukela kumgangatho ongasentla wePremier Soccer League ukuba izinto ziyihambela kakuhle.