UDutton unethemba lokutshintsha kwezinto kwiBulldogs

Ukapteni weBorder Bulldogs, uBilly Dutton, uthi kuza kufuneka banyuse iikawusi bengabadlali ukuba bafuna ukubona iqela labo likhula.

Le ndedeba ikuthethe oku emva kokuba iBorder Bulldogs ivuthululwe yiValke ngo’36-19 emdlalweni wombhoxo obusePolice Park ngoMgqibelo ogqithileyo. La maqela angquzulene emdlalweni wokuvula iCurrie Cup First Division. UDutton uthi ngabadlali abanokukhupha iBulldogs ehlazweni.

“Besinako ukuwuphumelela umdlalo kodwa iimpazamo esizenzileyo zisichanile kakhulu,” utshilo uDutton emva kokubethwa kweqela lakhe. Ukapteni uthi nangona kubuhlungu ukuphulukana nomdlalo wokuqala wetumente kodwa lo nto ingalinceda iqela.

“Akumnandanga ukuphulukana nomdlalo wokuqala, ingakumbi phambi kwabalandeli bakho. Kodwa iza kusinceda lo nto ngoba siza kuzibona, siphinde sizilungise kwangethuba iimpazamo zethu. Uza kukhula umdlalo wethu kakhulu ukusukela ngoku ukuya phambili,” utshilo uDutton.

Kanti yena umqeqeshi weValke, uJP Imelman, ukholelwa kwelokuba zininzi izinto ekufuneka zilungiswe nangona liphumelele iqela lakhe.

“Ewe, siwuphumelele umdlalo. Nathi besilwela lo nto. Kodwa kuninzi ekufuneka sikulungisile siliqela. Zininzi iimpazamo abazenzileyo abadlali kulo mdlalo,” utshilo uImelman emva komdlalo.

Umqeqeshi uthe likhona ithemba lokuba iqela lakhe lingalelinye lamaqela aphezulu kwiCurry Cup First Division.

“Sidlale kakuhle kakhulu imizuzu engamashumi amabini anesihlanu. Ukuba singenza ngolo hlobo, singalelinye lamaqela asethubeni lokuphumelela itumente. Silwela lo nto siliqela,” utshilo uImelman.

Emdlalweni olandelayo oza kubanjelwa ePolice Park, iBulldogs iza kwamkela iJaguares XV ngecala emva kwentsimbi yokuqala.