UDyaloyi ukhululwe nguMthatha Bucks

Velile Dyaloyi obefudula eqeqesha uMthatha Bucks odlala kwaNational First Division.

Abalandeli beqela lebhola ekhatywayo, uMthatha Bucks, bothuswe ziindaba ezithi uVelile Dyaloyi ulishiyile iqela labo. Ezi ndaba zibhengezwe nguMthatha Bucks namhlanje. I’solezwe lesiXhosa liqhakamshelene noDyaloyi lakuva ezi ndaba othe kulo: “Ewe…ndohlukene noMthatha Bucks,” utshilo uDyaloyi.

Lo mqeqeshi ulishiya eli qela laseMthatha liphakathi kwamaqela asixhenxe ahamba phambili kwiNational First Division. Waqala ukuliqeqesha ekupheleni kuka-2015 ngethuba lalisecicini lokuthotyiselwa kwinqanaba elingezantsi ngenxa yokuphulukana nemidlalo. Ngethamsanqa, walisindisa emva kokusokola kweBucks phantse isizini yonke.

Kule isizini ka’2016/17, Amathol’amnyama aqale kakuhle kakhulu – kodwa kuthe ekuhambeni kwexesha ehla amandla wawo. Nangona kube njalo, uMthatha Bucks, ephethe unyaka ophelileyo usendaweni entle kwaye usenalo ithuba lokuvala isizini uphakathi kwamaqela aphambili kwiNFD.

Abalawuli beli qela kuthe kanti bacinga ngolunye uhlobo. Ingxelo ekhutshwe kwikhasi lonxibelelwano namhlanje ithe: “Emva kweentlanganiso ebeziphakathi kwethu nomqeqeshi, sigqibe kwelokuba sohlukane naye ngesihle. Ezinye zezinto esithe saziqwalasela yindawo iqela elikuyo ngoku nendawo esifuna yona. Simnqwenelela okuhle kakhulu.”

Ngoku eli qela kufuneka likhangele umqeqeshi ozakungena endaweni kaDyaloyi phambi komdlalo walo wokuqala elizakuwudlala neJomo Cosmos kwinyanga ezayo eMthatha Stadium.