UDyantyi ukhonjwa kwiVodacom Blue Bulls

Aphiwe Dyantyi.

Emva kwesizini enye ebuyele emdlalweni wombhoxo, uAphiwe Dyantyi uphakathi kwenqwaba yabadlali abachithwe yiSharks kwiveki ephelileyo. Iqela laKwaZulu-Natal libhengeze ukuba likhulule ishumi elinesine lonke labadlali kwesizini.

Nakubeni iSharks ivale isizini ngendlela encumisayo – kodwa isokole kakhulu ekuqaleni kwayo isizini. Okubonakalayo kukuba umqeqeshi, uJohn Plumtree, ukhangela abadlali abatsha abanokuthi bancede iqela lenze ngcono kwisizini ezayo.

Iqela likaPlumtree lizenzele imbali ngokuphumelela iEuropean Challenge Cup – kodwa ukuvala isizini likwindawo yeshumi elinesine kulihlazo kwiqela elifana nelakhe. Abanye babadlali abangatyikitywanga kwakhona kukho amadoda afana noSikhumbuzo Notshe, uBoeta Chamberlain, uMurray Koster, uZee Mkhabela noNevaldo Fleurs.

Emva kokuba iSharks inike uDyantyi isivumelwano seminyaka emithathu, igqibelo kwelokuba imkhulule kusashiyeke iminyaka emibini yonke.

Iindaba ezimnandi zithi uDyantyi ufunwa yiVodacom Bulls. Uhambo lukaDyantyi waseNgcobo elisuka eThekwini oluya ePitoli lingagqitywa kungekudala ngokutsho kwabasemfuthweni wolwazi. UDyantyi ukhe wahlala iminyaka emine engadlali emva kokuba kwabhaqwa ichiza elingavumelekanga egazini lakhe ngo2019.

Lo nto yamphosanisa nokuba lilungu leqela lesizwe loMzantsi Afrika elabuya neNdebe yeHlabathi yombhoxo phantsi kukaRassie Erasmus. Ngelo xesha wayedlala kakuhle kakhulu uDyantyi futhi eyibethelela indawo yakhe kwiSpringboks.

Nangona ukunikwa kwakhe ithuba yiSharks emva kwalo minyaka kwaqhwatyelwa izandla – kodwa akukho nto ingako ekungathethwa ngayo ngoba emidlalweni esibhozo ayidlalileyo uDyantyi, khange alale emgceni nakanye.

Kucingeleka ukuba leyo yenye yezinto ezibangele akhululwe. Uya eqeleni elinabadlali abasemgangathweni ophezulu kakhulu. Kufuneka azimisele ngoba uza kudibana namadoda afana noWillie le Roux, uKurt-Lee Arendse noCanan Moodie abadlalela AmaBhokobhoko.