UDylan Kerr ubeke iliso lakhe kwiNedbank ngoku

UDylan Kerr ngumqeqeshi weSwallows FC. Umfanekiso: ©Ryan Wilkisky/BackpagePix

Amaqela adlala kwiDStv Premiership abuyela emabaleni ngempelaveki emva kokuthi khebevu ithuba elingaphaya kwenyanga ngenxa ye-Africa Cup of Nation esondela esiphelweni eCameroon. INedbank Cup ekuza kulwelwa yona yabanjwa yiTshakhuma Tsha Madzivhandila (TTM) kunyaka ophelileyo eyaguqulwa igama yayiMarumo Gallants ngabanikazi bayo abatsha. Umqeqeshi owanceda iTTM yaphumelela indebe yokuqala nguDylan Kerr, othi ufuna ukuyikhusela indebe yakhe nangona engumqeqeshi weSwallows ngoku etsale nzima ixesha elide kwisizini yeDStv Premiership eqhubekayo.

OkaKerr uya emdlalweni weNedbank Cup ekhuthazekile emva kokunceda iWarriors FC ephumelele iDStv Compact Cup kwimpelaveki egqithileyo. Iqela lakhe, iSwallows, liza kuvan’ amandla neTS Sporting edlala kwiGladAfrica Championship emdlalweni oza kube useDobsonville Stadium emalanga ngoMgqibelo.

“Ndifuna ukuwuphumelela umdlalo ngoba ndim umqeqeshi ophakamise iNedbank Cup ndingumqeqeshi weTTM kunyaka ophelileyo,” utshilo uKerr ethetha neentatheli. “Yonke into ixhomekeke kubadlali. Indebe yeNedbank ibaluleke kakhulu nangona kufuneka ugqithe kumaqela edlala kwiGladAfrica ukuze uyiphumelele. Ukudlala neSporting kuza kuba nzima – kodwa ndibathembile abadlali,” utshilo uKerr.

Amaqela amaninzi abuyela enkomeni enethuba elide engasadlali – kodwa kubhetele kwiSwallows ngoba iziqwayi zayo bedlala kwiCompact Cup. “Amalungiselelo wethu ahamba kakuhle kwaye sifuna ukubona abadlali abafuna ukuqala umdlalo ngoMgqibelo. Sidibana neqela eliza kuthi licinga ngokungaqhubi kakuhle kwiGladAfrica – kodwa thina sifuna ukuphumelela,” utshilo uKerr, oza kuqeqesha iSwallows FC ngaphandle kukaThabo Matlaba othathwe yiRoyal AM yaKwaZulu-Natal.

Imidlalo yeNedbank Cup:

Lwesihlanu: University of Pretoria vs Chippa United @Tuks Stadium, 15:00; Richards Bay Mamelodi Sundowns @Princess Magogo Stadium, 18:00

Mgqibelo: Swallows vs TS Sporting @Dobsonville Stadium, 15:00; Marumo Gallants vs Golden Arrows @Thohoyandou Stadium, 18:00

Cawa: Orlando Pirates vs AmaZulu @Orlando Stadium, 15:00

Lwesithathu: Venda Football Academy vs African All Stars @Thohoyandou Stadium, 15:00