UDylan Kerr unikwe umsebenzi onzima wokuhlangula iSwallows

Abaphathi beSwallows FC bakhawuleze okombane wezulu bafumana umqeqeshi omtsha emva kokugxotha uBrandon Truter. Emva kokuvuthululwa ngamagowuli amathathu kwelinye yiKaizer Chiefs emdlalweni weDStv Premiership emalanga ngeCawe edlulileyo, iSwallows yakhulula uTruter nabo bonke abesebenza nabo. Ngoku iSwallows iza kuqeqeshwa nguDylan Kerr ukuya phambili. Nguye onikwe uxanduva lokususa iqela laseDube, eSoweto, endaweni yokugqibela elibekwe kuyo yiChiefs enyukele kwindawo yesibini. UKerr yindoda eyaziwayo ebholeni yaseMzantsi Afrika kwaye unayo nendebe yeNedbank phantsi kwegama lakhe.

Kwisizini egqithileyo, uKerr uncede iTshakhuma Tsha Madzivhandila yaphumelela indebe phambi kokuguqulwa kwegama njengokuna iyiMarumo Galants ngoku. Ufika kwiSwayi-Swayi emva kokuqeqesha amaqela afana neBlack Leopards neBaroka FC. Mkhulu kakhulu umsebenzi ajongene nawo uDylan Karr ngoba ufika iSwallows ithe folokohlo emsileni weDStv Premiership emva kokungaphumeleli namnye umdlalo kwelishumi elinanye eyidlalileyo kule sizini. Isiqalo sayo sasisihle futhi yangcambaza nakwiMTN8 Cup eyabetha kuyo iPirates. Emva koko izinto zange ziphinde zihambe kakuhle.

Ukhe wanqunyanyiswa ithutyana elifutshane uTruter – kodwa naleyo into zange incede nto. Emva kweminyaka iSwallows idlala kwiGladAfrica Championship, iqhube kakuhle kwisini egqithileyo yade yazibekela indawo kwiTop 8. Uxinizelelo luye lwakhula ngoba abantu bebelindele yenze umsebenzi obhetele. ISwallows iza kwamkela iMaritzburg United emdlalweni weDStv Premiership emalanga ngoMgqibelo, eDobsonville Stadium. Impumelelo emdlalweni ozayo ingayinceda ingayisusa iSwallows endaweni embi ekuyo nangona ukudlala neTeam of Choice iyinto enzima emva kokubambana naMaZulu ngo’1-1 emdlalweni ogqithileyo.