UEric Tinkler uncoma umdlalo wabadlali bakhe

UEric Tinkler ongumqeqeshi weSupersport United UMFANEKISO: ©Chris Ricco/BackpagePix

Umqeqeshi weChippa United, uEric Tinkler, uyincomile indlela abadlale ngayo abadlali bakhe bangasemva emva kwempumelelo yeqela lakhe yokuqala kule sizini.

IChilli Boys iphume itshaya kumdlalo obuphakathi kwayo neBaroka FC, eSisa Dukashe Stadium, kwimpelaveki egqithileyo.

Igowuli lentloko lika-Andile Mbenyane elishiye umqeqeshi weBaroka FC, uWedson Nyerenda, elugcwabevu ngumsindo lilo eliqinisekise ukuba iChilli Boys iphumelela ngo’1-0.

UTinkler uthi ngabadlali bangasemva abona abebenegalelo elincomekayo emdlalweni.

“Njengoko benditshilo ngaphambili ukuba singalungisa udonga lwethu lokugqibela singayiphumelela imidlalo. Lisebenzile udonga lwethu lokugqibela,” utshilo uTinkler.

Uthi nangona kumvuyisa ukufumana impumelelo kwiAbsa Premier League, ukufaka amagowuli kuse yingxaki kwiqela lakhe.

“Iyachwayitisa impumelelo, kodwa ukufaka amagowuli iseyingxaki. Sibe namathuba amaninzi kodwa sifake igowuli lalinye qha, iyandixhalabisa lo nto,” utshilo Tinkler.

Le ndedeba ikholelwa kwelokuba impumelelo iza kubuyisela ukuzithemba kubadlali bayo.

“Ibalulekile impumelelo ngoba iza kunceda ibuyisele ukuzithemba kubadlali bethu,” utshilo okaTinkler.

UTinkler ebeqala ukuqeqesha iChippa kumdlalo oseSisa Dukashe Stadium – kodwa ubancomile abalandeli watsho ebachaza njengabantu abanothando.

“Kudala ndiyibona kumabonakude indlela abayixhasa ngayo iChippa United abalandeli baseMonti. Iyancomeka kakhulu into abayenzayo. Ngabantu abanothando, ndiyababulela kakhulu,” utshilo uTinkler.

Umqeqeshi weBaroka FC walile ukuthetha noonondaba esithi woyika bangayisi ngendlela ayithethe ngayo ebantwini intetho yakhe.

“Andifuni kuthetha! Ndoyika ningayisi ngendlela endiyithethe ngayo ebantwini intetha yam,” utshilo uNyirenda obe lugcwabevu ngumsindo.

Impumelelo yeChilli Boys iyinyusele kwindawo yeshumi elinesine kwiPSL. Ngoku iza kudibana neGolden Arrows ngo’15:00 ePrincess Magogo Stadium ngoMgqibelo.