UFadlu Davids ujongene nobunzima kwiMaritzburg United esemsileni

UFadlu Davids ngumqeqeshi omtsha weMaritzburg United. Umfanekiso: ©Shaun Roy/BackpagePix

Emva kweminyaka embalwa wayinikela umva idolophi yaseMgungundlovu kwiphondo laKwaZulu-Natal, uFadlu Davids, ofana nonyana wolahleko, ubuyele ekhaya ekuqaleni kwale veki. Oku kwenzeke emva kokuba iMaritzburg United imqeshe njengomqeqeshi oyintloko ngokuphuleleyo. UDavids ungena endaweni eshiywe nguJohn Maduka onikwe uphumaphele ngaphathi beTeam of Choice emva kweziphumo ezingancumisiyo emdlalweni yeDStv Premiership. OkaMaduka wafika kwiMaritzburg phambi kokuqala kwesizini eqhubekayo emva kokungavuselelwa kwesivumelwano sengqesho sika-Ernst Middendorp ongaqhubanga kakuhle kwisizini ephelileyo.

UDavids wakhe wayibamba ngokwakhe iMaritzburg United emva kokuba uMiddendorp awayesebenza naye waye waya kwiKaizer Chiefs. Emva koku uFadlu wathathwa yi-Orlando Pirates asebenze noJosef Zinnbauer waseJamani. Emva kokuhamba kwakhe uZinnbauer, uDavids noMandla Ncikazi baye banikwa ithuba lokuqeqesha iPirates ngokubambisana. Ekupheleni kwesivumelwano sengqesho kwiPirates, uDavids uye wasebenza ithutyana elifutshane noZinnbauer kwiqela lebhola ekhatywayo laseRussia ekuthiwa yiLokomotiv Moscow. Ngoku ubuyele kwiMaritzburg United awaqala kuyo ukuqeqesha. Usihlalo weMaritzburg, uMnu. Farook Kadodia, umamkele ngezandla ezishushu watsho emchaza njengomnye wabaqeqeshi abakrekrelele ebholeni ekhatywayo.

“Kuyasivuyisa ukubuyela kwakhe uFadlu apha kwiqela lethu. Sazuza okukhulu sisebenza naye kwixeshana elifutshane. Ungomnye wabaqeqeshi abakrelekrele kwaye sinethemba lokubona ibhola yeMaritzburg United esiyaziyo,” utshilo uKadodia. Umbuzo osemilebeni yabalandeli bebhola ekhatywayo uthi: Ingaba uza nantoni na uDavids kweli tyeli? “Kumnandi ukubuyela kwiMaritzburg endaqala kuyo ndingumdlali phambi kokuba ngumncedisi noba ngumqeqeshi wayo. Ngoba iTeam of Choice ndiyayazi indlela eyenza ngayo izinto, lo nto iza kusinceda sikwazi ukwenza umsebenzi,” utshilo uDavids, onoxanduva lokususa iMaritzburg emseleni weDStv Premiership. Emva kweshumi elinesithathu lemidlalo, iqokelele ishumi elinanye lamanqaku kuphela. Intla kwayo yiSekhukhune egxothe uKaitano Tembo yaqesha uBrandon Truter endaweni yakhe.