UFadlu Davids ulumkisa iPirates phambi komdlalo obalulekileyo!

UFadlu Davids ngumqeqeshi weMaritzburg United FC. Umfanekiso: ©Gerhard Duraan/BackpagePix

Umqeqeshi weMaritburg United, uFadlu Davids, uthumele isilumkiso kwiOrlando Pirates phambi komdlalo obalulekileyo ngempelaveki. Nangona iMaritzburg isophisa emva kokubethwa yiKaizer Chiefs ngamagowuli amabini eqandeni emdlalweni weNedbank Cup, uDavids uyiphose kwelokulibala eyo into, ngoku uthi iqela lakhe liza kulwa ngamandla walo onke kuyo yonke imidlalo elandelayo.

IPirates iza kwamkela iTeam of Choice emdlalweni weDStv Premiershi ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya ngomso eOrlando Stadium. Nakubeni uDavids eza kulwela isidima sakhe xa edibana neqela ebekhe waliqeqesha kwisizini egqithileyo – kodwa eyona nto isemqoka kwiMaritzburg ukusukela ngoku ukuya phambili kukulwela ukusinda ezembeni.

Inamashumi amabini ananye amanqaku ewafumene kwisishumi elinethoba lemidlalo. Ekugqibeleni ezantsi kwayo kuhleli iMarumo Gallants kuphela kwiDStv Premiership ekwisigaba sesibini sesizini. Ukudlula kweNedbank Cup kuthetha ukuthi inye into ajongene nayo uFadlu Davids neqela lakhe.

“Sibethiwe yiChiefs – kodwa ngokuba sikulungele ukuya emfazweni. Ezintsukwini ezigqithileyo, sithethile ngokubaluleka kobumbano neyona ekufuneka siyenze ukusukela ngoku ukuya phambili,” utshilo uDavids emva kokubethwa yiChiefs emdlalweni obuseHarry Gwala Stadium kutshanje.

“Asiqhubanga kakuhle emdlalweni ebesidibene kuwo neChiefs – kodwa sinethemba lokuba usilungiselele imfazwe esiya kuyo. Kufuneka abadlali bazithembe futhi bazixelele ukuba akukho qela abangenokwazi ukumelana nalo. Ndiyayazi iPirates nabadlali bayo. Kodwa kufuneka siyihlalutye kakuhle ngoba inomqeqeshi omtsha,” utshilo uDavids.

Ezimnyama zikhuthazekile emva kokubetha iAll Stars emdlalweni weNedbank Cup. Abadlali abafana noMonnapule Saleng noThembinkosi Lorch kulindeleke bancede iPirates eza kulwela amanqaku amathathu ukuze inyukele kwindawo yesithathu kwiDStv Premiership.

Imidlalo yeDStv Premiership:

Lwesihlanu: Pirates v Maritzburg, Orlando 7.30pm.

Mgqibelo: Royal v SuperSport, Chatsworth, 15:30; Sekhukhune v Richards Bay, Peter Mokaba, 17:30; AmaZulu v Galaxy, Moses Mabhida 20:00.

Cawa: Chiefs v Arrows, Peter Mokaba, 15:00; CPT v Swallows, Cape Town, 15:30.