UFadlu Davids uthi baza kudlalela ukuyibetha iChiefs!

“Siza kudlalela ukuphumelela umdlalo,” utshilo uFadlu Davids phambi komdlalo ojongwe ngamehlo abomvu phakathi kweMaritzburg United neKaizer Chiefs. La maqela mabini aza kuvana amandla emdlalweni weNedbank Cup ngecala emva kwentsimbi yesixhenxe ngorhatya namhlanje eHarry Gwala Stadium. Umdlalo uza kutak’ iintlantsi ngaphandle kwamathandabuzo njengakweminye imidlalo. Kulindeleke ukuba Amakhosi azijule ijacu ngoba yindebe yokugqibela angaxolisa ngayo abalandeli abanyamezele iminyaka esixhenxe yendlala. Ngelishwa, iMaritzburg United ithi ngeke yenzeke lo nto ebaleni layo. Amaqela omabini agqwidizile emidlalweni egqithileyo – kodwa uFadlu Davids uthi ukudlalela ekhaya kuza kulinceda iqela lakhe.

“Ndagqibela sinembali entle kakhulu xa sidlalela ekhaya ngooLwezihlanu ebusuku. Kodwa ke sike saphulukana nayo loo mbali kule minyaka edlulileyo. Kufuneka sibuyise isidima sethu,” utshilo uDavids ogxeleshe ukubetha iChiefs ephantsi koxinizelelo. Amatikiti omdlalo athengwe aphela kwa sekuqaleni kweveki ephelayo. Noxa iTeam of Choice ikwazi ukufumana inkxaso emidlalweni yayo eyidlalela eseHarry Gwala Stadium – kodwa kubakho abantu abaninzi kakhulu xa kufike iChiefs elandelwa kakhulu eMzantsi Afrika. “Urhatya lwangoLwesihlanu luba yinto ekhethekileyo eHarry Gwala. Ukuza kweChiefs kuziindaba ezimnandi kakhulu.

“Lo ngumdlalo afuna ukuwuphumelela omabini amaqela. IChiefs izingela indebe engayifumana, nathi siza kuya emdlalweni sifuna ukuphumelela,” utshilo uDavids ethetha neentatheli kule veki. Iqela likaFadlu Davids lifuna impindezelo emva kokuvuthululwa yiChiefs ngamagowuli amathathu ekuqaleni kwesizini iintambo zisabanjwe nguJohn Maduka okwiRoyal Am ngoku. “Silungiselele umdlalo ngendlela yethu eqhelekileyo. Asiyi emdlalweni sifuna ukudlala ntanganye nelinye iqela, sifuna ukuphumelela xa sidlala ngamaxesha onke. Sizimisele ukudlala umdlalo osemgangathweni ophezulu kude kuphele umdlalo,” utshilo uDavids ozamileyo ukubuyisa isidima seTeam of Choice emidlalweni ebalekayo noxa kuphinde konakala.