UFae uthi akukholeleki okwenziwe yi-Ivory Coast evuke ekufeni kwiAfcon!

Wonke umntu olandela ibhola ekhatywayo uyavuma ukuba iAfrica Cup of Nations (Afcon) yalo nyaka ibibalasele. Phakathi kwezinto eziyenze yaqaqamba ngumgangatho ophezulu wamabala ekudlalelwe kuwo, umsebenzi omhle woosompempe, imidlalo evelizwe ngamazwe athathe iinxaxheba nabadlali abe bezimisele ngendlela emangalisayo.

Kodwa eyona nto eyakuhlala ihleli ezingqondweni zabantu yindlela i-Ivory Coast eyiphumelele ngayo indebe yeAfcon. Phambi kokudlala umidlalo wesithathu kumjikelo wokuqala weAfcon – wonke umntu wayecinga ukuba iphumile kuba ingazange iqhube kakuhle emidlalweni yayo.

Kodwa yafumana ithuba emva kokuba kwabethwa iZambia eyayinethuba lokuya kumjikelo wesibini. Yavuka ekufeni i-Ivory Coast yaqwenga kwa nto ephambi kwayo kwade kwangumdlalo wokugqibela.

Emdlalweni wokuvala itumente, i-Ivory Coast ibethe iNigeria ngo’2-1 ebiqale yakhokela kwisigaba sokuqala ebaleni ekuthiwa yiEbimpe Olympic Stadium ebelizaliswe ngamashumi amahlanu anesixhenxe amawaka abantu. Amagowuli empumelelo afakwe nguFranck Kessie nefolosi eyingozi kakhulu, uSebastien Haller.

Khange akholelwe uEmerse Fae obelisekela engekagxothwa umqeqeshi kwiAfcon. “Xa ndicinga izinto esidlule kuzo phambi kokuphumelela, ndithi kwenzeke ummangaliso. Zange sanikezela futhi sikwazile ukuthubeleza ebunzimeni ebesijongene nabo,” utshilo umqeqeshi emva kokuba ilizwe lakhe liphumelele indebe yeAfcon okwesibini.

Phambi kokubetha iNigeria emdlalweni wokugqibela, i-Ivory Coast ibethe amazwe aquka iSenegal, iMali neDemocratic Republic of Congo ebambe indawo yesine emva kokubethwa nguMzantsi Afrika ngo’6-5 kwiipenela emdlalweni obungempelaveki.

Yonke loo midlalo ibinzima kodwa ngenxa yokuzimisela kwabadlali nenkxaso yabantu belizwe – iqela likaFae liye laphumelela. “Yonke imidlalo yethu ibinzima – kodwa sikwazile ukuphumelela silandela emva kuyo. Andikwazi ukuyichaza indlela endiziva ngayo ngenxa yemincili.

Ndandinephupha lokuphumelela iAfcon ndisengumdlali – kodwa zange yenzeke lo nto. Lafika ithuba ngendlela engaqhelekanga. Ndiyalibulela ithuba lesibini endilifumeneyo,” utshilo umqeqeshi.

UHaller, odlalela uBorussia Dortmund, uthe ibiliphupha labo ukuphumelela iAfcon. “Kuhle ukubona abantu bevuya oluhlobo. Besisoloko siphupha ngemini enje. Sibenalo ithemba kwade kwase kugqibeleni.

Oogxa bam bebendikhuthaza ukuba ndihlale ixesha elide ebaleni. Ndiyabulela ngoba ndikwazile ukufaka igowuli,” utshilo uHaller obengekho ngethuba lamalungiselelo ngenxa yokonzakala. Uthe udlale imidlalo yeAfcon engekaphili ngokupheleleyo – kodwa uvuyela ukudlala kuyo.