UFaf Du Plesis uphunyuziwe emva kwedemeshe eyenziwe yiNgilane

Igqala lomdlali weqakamba, uFaf Du Plessis, liza kuphoswa ngumdlalo ophakathi koMzantsi Afrika neNgilane ngomso. UMzantsi Afrika uza kuswantsulisana namaNgesi emdlalweni wosuku olunye wamazwe ngamazwe eNewlands Stadium. Oku kwenzeka emva kokuba iProteas uvuthululwe ngamaNgesi emidlalweni yeT20 edlalwe ekuqaleni kwale veki.

UDu Plessis ebeyinxalenye yeqela loMzantsi Afrika leqakamba elibethwe lula yiNgilane kokwalo. Uye wonzakala, ngoku uza kuphunyuzwa njengabadlali abafana noKagiso Rabada – obuyele elizweni lakhe emva kokwenza imimangaliso kwiqela lakhe yaseNdiya elidlala kwi-Indian Premier League.

Kunokwenzeka uRabada abuyele kwiqela lesizwe kwiiveki ezizayo xa iProteas idibana neSri Lanka kwichungechunge lemidlalo yeqakamba yamazwe ngamazwe. Umqeqeshi weProteas uye walehlisa inani labadlali bakhe layokutsho kwishumi elinesibhozo.

Abadlali abafana noBjorn Fortuin, uReeza Hendricks noPite van Biljon. Indoda eza kukhokela uMzantsi Afrika emidlalweni yosuku olunye iza kuba nguQuinton de Kock. Amadoda afana nooTemba Bavuma, uJunior Dala, uAndile Phehlukwayo noLungi Ngidi kulindeleke enze indima ebonakalayo ukuze uMzantsi Afrika ungahlazeki.

Quinton de Kock (uKapteni), Temba Bavuma, Junior Dala, Beuran Hendricks, Heinrich Klaasen, George Linde, Keshav Maharaj, Janneman Malan, David Miller, Lungi Ngidi, Anrich Nortje, Andile Phehlukwayo, Tabraiz Shamsi, Lutho Sipamla, Jon- Jon Smuts, Glenton Stuurman, Rassie van der Dussen, Kyle Verreynne.